II
Bhotani kwakhona bafundi beBanga leMatriki! Ndiyathemba ukuba nizifumene kwiVukani yeveki ephelileyo, iingcebiso malunga nokuma kwePhepha lokuQala lesiXhosa. Namhlanje ndiza kuphefumla malunga namagama abhalwa nabizwa gwenxa, nto ke leyo enegalelo elibi xa kumakishwa amaphepha eemviwo naxa kuqhutywa imisebenzi yohlolo lwe-Orali. Ezi nzame zokuxhobisa ziza kunceda nabanye abafundi bamanye amaBanga ukuqalela kumaBanga aPhantsi ukuya kwaPhezulu. Ndingavuya ootitshala nabazali bawagqale la magama angamkelekanga esiXhoseni ukuze bancedisane nabafundi ekhayeni nasezikolweni. Eli nyathelo lingaluphucula ngakumbi uLwimi lwethu,batsho nabafundi bafumane iziphumo ezincumisayo.
Kule mihla,kuya kungenelela amagama angamavezandlebe esiXhoseni ngenxa yokuthontelana kweeLwimi ngeeLwimi kwiindawo esihlala kuzo nasezikolweni. Sikopa namagama esiZulu koomabonakude, umz. Iqembu, umdeni, ingculaza, njalo njalo. Hayi ke kutyhafisa ngakumbi xa abasasazi besebenzisa amagama agwenxa kunomathotholo, umz. Amazandla, amathando. Yiva abashumayeli kwiindawo ekuqhutywa kuzo imithandazo, umz. “Singamandwendwe kulo mhlaba;” okanye , “Ngale ntlwa, sithi thuthuzelekani!”Yiva ke ngoku umXhosa wakuthi xa esenza ingxubevange yesiNgesi nesiXhosa, “Izolo bendiye emithingini apho bekudiskaswa khona ii-ishuzi ezisiriyasi.” Woo! Inene kukude engqinibeni!” Khawuve umXhosa ozingcayo ngoLwimi lwakhe,” Izolo bendiye entlanganisweni apho bekushukuxwa khona imiba etshisa ibunzi.” Uthi akuthetha ngolu hlobo ndive kubanda umchachazo emqolo; ndizive ndisuka amadlu, ndithutha uMqhayi waseNtabozuko! Mandiye apho kufele khona ithole, bafundi! Nanga ke la magama adla ngokuphazamisa xa ootitshala bemakisha amaPhepha eeMviwo, akwahamba nezilungiso zawo (ninikwe nje imizekelo embalwa):
AMAGAMA ABHALWA NAPELWA GWENXA
AMAGAMA AMKELEKILEYO NGOKWEMIGAQO YOLWIMI LWESIXHOSA
amanyawo
iinyawo
amandwendwe
iindwendwe
amaphondo enkomo
Iimpondo zenkomo
amadonga endlu
Iindonga zendlu
amalitye
ilitye
imeva
iliva
imehlo
iliso
amazandla
izandla
amathando
uthando (eli gama alinasininzi)
ngale ntlwa
ngoku kuhlwa (intlwa sisinambuzane esinamaphiko esibonakala emva kwemvula)
ibhoma ( lamakhwenkwe)
ibhuma (ibhoma sisitiya seziqhamo)
umndeni (isiZulu)
usapho
ingculaza (isiZulu)
uGawulayo
amaLwimi (iintetho)
IiLwimi (amalwimi afumaneka emilonyeni)
inxaso
inkxaso
inqubela
inkqubela
indzolo
inzolo
inyikitya
inyhikityha