Imibuzo edla ngokuswantulisa abafundi xa bebhala iimviwo zephepha lesiXhosa lesibini

Bhotani kwakhona bafundi beBanga leMatriki, eli lilinge lokunixhobisa ngemibuzo edla ngukunisokolisa xa kufuneka niphendule kuncwadi. Okwangoku ndiza kugxila kwimibuzo ekwincwadi yedrama nenoveli. Okokuqala kubalulekile ukuba iincwadi zakho uzazi ukusuka nokuhlala, ungazigqwathuli xa uzifundayo. Lemibuzo engezincoko kufuneka ube nesakhono sokuhlalutya umxholo waloo nto ibuzwayo; ungagibiseli nje impendulo ngaphandle kokuyixhasa, hamba ze, utsho kuvokotheke ukuze ufumane amanqaku ancumisayo.

Imiibuzo idlangokusekelwa kwizicatshulwa ezinikiweyo, kodwa eminye imibuzo ebuzwayo ikhe ixhomekeka ekubeni uyazi kangakanani na incwadi yakho, ngamanye amazwi awukwazi ukuyifumana apha kwisicatshulwa.

Nantsi ke imizekelo yale mibuzo ifuna udle amathambo entloko xa uza kuyiphendula:

Nika iimpawu zedrama ezibonakala kwisicatshulwa osinikiweyo

Sithatyathwe kweliphi inqanaba lesakhiwo sebali esi sicatshulwa usinikiweyo?

Chaza iingcamango ezidala impixano kulo mdlalo

Xela isimo sentlalo nabalinganiswa abafumaneka kwizalathisi zeqonga

Ingaba le drama yintlekele okanye yintlekele-siyoliso? Xhasa impendulo yakho

Nika umxholo wale drama

Chaza udidi lozobo azotywe ngalo lo mlinganiswa.

Singathi lo mlinganiswa ukwesi sicatshulwa loluphi udidi lomlinganiswa? Xhasa impendulo yakho.

Ndiza kugxila kwezi ndawo zibhalwe ngqindilili, ndinkike ingcaciso :

Iimpawu zedrama:

Luhlobo loncwadi olubhalwe ngenjongo yokulinganiswa eqongeni

Abalinganiswa bazithethela ngokwabo (intetho-ngqo)

Incoko ephakathi kwabalinganiswa ithi idale ingxoxo ukuze intshukumo yedrama inike umdla.

Amanqanaba lesakhiwo sebali: Ingabula-zigcawu, ukuyondelelana/ ukujiya kwebali, uvuthondaba, ukusonjululwa kwezinto, isiphelo

Impixano:

Ngundoqo webali/ ungquzulwano

Impixano iziindidi ezimbini, umz.eyangaphandle neyangaphakathi

Eyangaphandle lungquzulwano lwezimvo Phakathi kwabantu ababini nangaphezulu, apho bengaboni ngasonye khona

Eyangaphakathi iphakathi komlinganiswa nesiqu sakhe ebangelwa zizinto ezimngqongileyo entlalweni

Izalathisi zeqonga: yingcaciso ebhalwa ngamagama abukekela ekuqaleni komboniso ngamnye ukukrobisa umfundi ngendawo okanye ixesha apho kuza kuqhubeka khona ingxoxo elandelayo, abalinganiswa,, nokuza kwenzeka kuloo mboniso.

Iindidi zedrama eziqhelekileyo:

Intlekele: Apha kukho iziganeko ezimanyumnyezi eziquka ukubulawa kwabantu nesiphelo esibi

Intlekele-siyoliso: Apha kukho izibaneko ezimanyumnyezi kodwa kubekho isiphelo esihle

Umxholo: Lo nguwona mcamango ungumongo uphambili owenze ukuba umbhali athathe usiba lwakhe abhale

Ibali, umz. kuBuzani kubawo uthando lube ngunobangela wokugilana kwezimvo okuthe kwakhokelela kwimpixano phakathi kwabalinganiswa, kwabakho inyhikityha yokufa.

Udidi lozobo: Uzobo- ngqo: Apha umbhali umchaza ngokwakhe umlinganiswa.

Uzobo mayana: Umlinganisa uzichaza ngeentetho zakhe/ izenzo zakhe/ indlela ekuthethwa ngaye ngabanye abalinganiswa.