Ahambele phambili amalungiselelo okwamkela ikumkani yamaXhosa, uKumkani Mpendulo Sigcawu, Aah Zwelonke, kutyelelo lwayo lwephondo iNtshona Koloni.
Umntwanegazi uyakugaleleka ngomhla wama 23 kweyoMdumba nalapho aya kuzimasa umsitho oyakubanjelwa kwibala lemidlalo eKhayelitsha.
Kodwa phambi koko uZwelonke uyakuthi andwendwele iilokishi ezifana nooLanga, Gugulethu, Nyanga, Crossroad nase Philippi nalapho ezakuthethana nabantu bakhe.
Kulindeleke ukuba afike eKhayelitsha Stadium ngecala emva kwentsimbi yokuqala apho ayakufika khona elindwe ngodlwabevu lwenkqubo yeziyolo nemiyiyizelo eyakube iqale ngentseni yalomini.
Esinye sezithethi iyakuba ngu Gqirha Nomfundo Mali ongumbhexeshi webhodi ejongene neelwimi zemveli i-Pan South African Language Board (PanSALB) eNtshona Koloni.
Ukanti iimvumi zomculo wesiNtu ezifana nooDidabathakathi, Amawele ka Mamtshawe, Maveletshisa kwakunye noBetusile zizakutshayelela intetho enkulu ezakuwiswa ngumntwanegazi, Aah Zwelonke!
Isazi ngamasiko nezithethe zakwaXhosa uMnumzana Loyiso Nqevu uzakubetha amabalengwe ngemicimbi yesiNtu phambi kokuba umphathiswa wenkcubeko nasiko uGqirha Zweli Mkhize anikele intetho ephambili.
Kuya kuthi emva koko kutshawule iimbongi zomthonyama, zigqemfeze zikhwaz’ umntawegazi zisithi makanikele intetho yesikumnaki, Aah Zwelonke.Â