Ngelixesha ilizwe limanxadanxada kwiphulo lokulwa ukuxhatshazwa nokubulawa kwabafazi nabantwana, ikhaya lakwaSoqhaga eLowa lixakekile lilungiselela ukungcwaba umama walo obulewe ngokungenalusini kanye ngelixesha.
Eliphulo neliququzelelwa ngurhulumnte nemibutho elwa ubundlobongela kubantwana namanina libanjwa minyake le kweyeNkanga ukuza kuthi ga kweyoMnga lisaqhuba kodwa iziganeko zokugetyengwa nokubulawa koomama kuqhubeka ngesantya esiphezulu.
NgoLwesibini esisuka kuwo uluntu lwaseLowa luvuke ngombiko wokusweleka kwexhegwazana ebelihlala lodwa. Ugogo uNomathamsanqa Soqhaga ominyaka ingama 80 ufunyelwe itshoba lilele umbethe ekhayeni lakhe. Lo mama nobehlala yedwa ushiye abemelwane bematshekile yindlela abhubhe ngayo.
Abamelwane bathi ngalomhla babone bengamboni ngaphandle njengomntu ozihlalelayo, noqhele ukuphumaphuma phandle kwakusasa azenzele izinto zakhe.
Ukunqaba kwakhe kuye kwenze esona sithukuthezi. Kwathi ngalomhla abahlali bathatha isigqibo sokuba baye kukroba kwakhe. Ekufikeni kwabo bothuswe kukubona udederhu lwempahla phantsi kwalo kuthe natya umzimba walomama.
Bekhawulezile bahlaba ikhwelo babizana baze babiza nabakwantsasana abafika baqalisa uphando.
Othethela abahlali nongummelwane u Maggie Stemele uthi eyona nto ibothuse ngamandla kukubona umngxumakazi omkhulu nekucaca okokuba umenzi bubi ungene ngawo. Ukanti kulendawo yexhwayelo kukwafunyenwe imelakazi kunye nomhlakulo ekucaca okokuba lo menzi bubi ubegrumba ngayo. Kodwa unhlola ngowokuba akubonakalanga gazi, into ethi akahlatywanga.
“Lento isishiye simatshekile sikukuhlala. Ayisilalisi kuba asiyazi kuzakufa bani ngale ndlela. Ibuhlungu lento. Eyona nto isenza buhlungu kakhulu kukuba besimqhelile, sihlala naye,” uthethe watsho.
Wongeze ngelithi abanalwazi ngezalamane zikagogo, uthi kwiminyaka engaphambili bazama ukufumana abantu bakubo kodwa bawa phantsi.
“Zange sababona abantu bakubo okokoko sahlala naye. Sizamile izihlandlo ezininzi ukumncina kodwa akazange asinike mkhondo. Nangoku sele egula zange asixelele tu. Kodwa ikho into oonontlalontle bade bayifumana intombi yakhe kodwa iseRhawutini. Asinandlela ke ngoku sifuna amancedo sikwazi ukungcwaba,” wongeze ngelitshoyo.
Uthe ukuba izinto zihambe ngendlela bengabahlali bafuna ukukhawuleza bamfihle engekonakali.
Isithethi samapolisa uAndre Traut uqinisekisile ukuba umzimba walo mama awunamanxeba kodwa uphando luyaqhuba. Uthe kusenziwa umphando wonobangela wokusweleka kwakhe.