Mzi Vava, Nyanga
Ndisuka eGuguletu, ndizohlala apha eNyanga East ngowe 1986, ndihlangene noSticks Mdidimba ngo 1988, eNew Africa Theatre Project (NATP).
Waye ngomnye wabaqulunqi balombutho, phantsi kwesikhokelo sika Njingalwazi Mavis Taylor ongasekhoyo. Wanga umoya wakhe ungalala ngoxolo. Mna ndingumfundisi wezemidlalo yeqonga ngoku.
Ndizekusebenza noSticks ncakasane ngeyoMnga kunyaka u1988 xa sasisenza imibongo yeqonga eyayibizwa Umtshotsho kwiDyunivesiti yaseKapa, kwicandelo ledrama, uqulunqwa nguSabata Sesiu nowayengumhlobo kaSticks, nowayefundisa idrama eNATP ngoko.
Ndizomazi ke uSticks kakhulu kakhulu kulomtshotsho, nangenxa yobudlelwane bobabini noSabata. USabata lo waye lilungu lombutho weBlack Consciouness Movement (BCM) ngelixesha uSticks yena eyiPan Africanist. Indibanisela yabo yabanomntsalane kakhulu kum, ndingumninawe phakathi kwabo.
Sticks lo wayenelizwi elikhulu elinamandla kwimibongo yeqonga. Andimazi kakhulu apha emculweni, ngaphandle nje kokuva ngabantu.
Ndisazi nje ukuba wayevuma kwikwayara yakwaLanga. Ewuthanda kakhulu umculo.
Nditsalwe kakhulu kakhulu kubudlelwane bukaSticks noSabata zezopolitiko, yimibongo yabo yezopolitiko, uSticks ewuthanda kakhulu lambongo uthi: What Is In This Black Shit?’ ndingesanakukuchazela ukuba wawubhalwa ngubani na.
Ekuqaleni kweminyaka ye1990s sisobathathu sazama ukuqulunqa umbutho wezeqonga, esasisithi ukuwubiza: “Siyabona”, owakhawuleza wachithwa ngondlebe zikhany’ilanga.
Iinjongo zethu ngalombutho wezeqonga yayikurhabulisa ulutsha kwezepolitiki nangengcinezelo esasiphantsi kwayo phantsi kwesandla somcinezeli.
Xa ndiqhubekeka malunga noSticks, wayila umbutho womxhentso wesintu, ababesithi uwubiza yi”Manyanani.”
Mbutho lowo wolutsha wayewukhokela engumqulunqi wemidlalo yawo, ewuvulela namathuba wokuya phesheya kwezilwandle.
Kangokuba abanyamezelayo phantsi kwesandla sakhe bangangqina nangoku, abanye babo basezindaweni, kuba kaloku wabavulela amasango!!! Kubo ndingakhanya uThembani “Terror” Luzipho noMaxwel “Max” Rhani oyititshala yomxhetso kwiDyunivesiti yaseKapa ngoku.
Ndingazumnika zulu, kodwa wayenamadla nomdla wokwenza izinto zenzeke kwindawo zethu zokuhlala singabantu.
Ndingabhala litshomi ngalendedeba. Inga angaphumla ngoxolo.