Ukuthi catha nje unyawo lwakho kwilokoshi yase Site C eKhayelitsha ungafunga ukuba sisigqubu samaxelegu neehagu.
kumdaka kwaye kuyanuka, iimoukane zibhubhuza indawo yonke. Izitalato zigcwele iiplastiki eziluhlaza.
Abahlali balendawo bakhala ngeempethu nabathi ziyoyikeka ngenxa yobukhulu bazo. Bathi ezinye zezimpethu zibulingana neminyiki ukutyeba.
Unobangela woku kukungathuthwa kwenkunkuma. Izitalato zalendawo zithe mome yinkunkuma nabathi abahlali igqibe iiveki ezimbini ingasathathwa.
Phantse zonke izitalato zalendawo zigcwele iiplastiki kunzima nokuba iimoto zihambe.
Kukho izitalato nalapho iimoto kufuneka kudlule ibenye kuqala, azinakuhamba zimbini.
Abathethe neVukani abanye bathe kukho uqhankqalazo kubasebenzi abacoca apha ngexesha abanye bathe akukho bantu baqeshelwe ukucoca kuba kuphele ixesha labo bebesebenza.
Obubumdaka buchaphazela nabo bashishinayo kulendawo kuba inkunkuma ilahlwe phambi kwamashishini abo.
Umhlani waseTaiwan nokufuphi esitalatweni uNolwazi Ngqumbo uthi bagutyungelwe kukunuka.
“Kunzima nokutya ngenxa yevumba. Imbi into elapha. Ukuba ndicinga kakuhle sineeveki eziyileyo esithathwini siphila lempilo. Ukuba kwenzeka ntoni andinalwazi,” uxelele iVukani.
Wongeze ngelithi ukuba imeko iyaqhubeka baninzi abantwana abazakugula.
UNkskz Ngqumbo ugxeke nonontlalontle ngelithi ngabona bafanele ukuxelela abasemagunyeni ngempilo yabo.
“Oonontlalontle baphithizela apha imihla nezolo. Njengabantu abajongene nezempilo bekufanele bathethe nabasemagunyeni ukuba basophule kulemeko imbi kangaka,” uggibele ngelitshoyo.
Usomashishini ochebayo uLindani Sithathu uthe kulihlazo ukubona indawo yabo ingcole ngokungathi kuhlala iihagu.
Ugxeke umasipala ngokungakhathali esithi akabaxeleli nokuba kwenzeka ntoni.
“Esikuva emoyeni kukuba kusafanelwe ukuqeshwa ngokutsha. Abanye bathi kuqeshiwe kodwa ab bebesebenza kuqala abafuni abanye bangene. Yingxuba kaxaka into yalapho. Akubonakali kwaceba abo,” utshilo.
Ehlamba ezakhe izandla kolunyovu, uceba wendawo uMabhuti Vellem uziphendulele ngelithi ingxaki iseTaiwan nalapho abahlali nenkampani ethutha inkunkuma bengavisisani.
“Kubanjenwe ngobhongwana yinkampani kunye nabahlali. Abahlali bathi ngokomthetho akukho bantu bafanele ukuqeshwa kabini ngexa ikampani isithi ayizukuva ngabo. Abahlali benze isifungo sokuba lenkampani ayizikusebenza kulandawo. Naso ke isizekabani sobumdaka,” uchaze njalo.
Ukwathe uzamile ukuxolelanisa kodwa wohluleka. Â