Cynthia Matsolo, Luyolo Ville
Ndingumhlali walapha eMzantsi ndilapha eGugulethu. Ndifuna ukuhlomla kwikhasi leVukani elalisithi “Uqhawukile umtshato neenkonzo, November 1” kulantetho ka mama uNkskz Thoko Mkhwanazi-Xaluva nowayemele urhulumente kumhlangano wabefundisi neenkonzo. Ndiyamxhasa ngokupheleleyo.
Andigwebi kwimeko yaseMzantsi. Kodwa kwakungenje, kungekho zinkonzo zenza uburhalarhume, zibiza igama likaThixo. Kodwa ngoku abefundisi okanye aba bazibiza “Pastor” bahlukumeza abantu besenza ishishini kubantu abafuna ukuphila, babebehluphekile abantu bakuthi. Norhulumente uvumele wonke umntu nosukaphi nakweliphi ilizwe beshiya amazwe abo, bafike benze unothanda apha.
Olwam uluvo lelokuba, makangahlehli mva kodwa angenelele urhulumente. Makaqhawuli mtshato kube kwicala leze nkonzo kusonakala. Hayi inkonzo kwenziwa ushishino kulo lonke eli loMzantsi.
Enkosi ndithe nam mandihlomle ndiyavakalelwa uThixo uyakuhlala enguYehova hayi lonomgogwana wenziwa ngabefundisi. Nezibhalo ezingcwele ziyatsho. Kodwa mandixolise ukungenelela kulomba ndibe ndingumama.