Ziyabethana izimvo ngokumiswa ngxi kolwakhiwo lwezindlu zaseGugulethu ngabahlali balendawo.
Ezi zindlu zizaphunyezwa kwiminyaka eyinga 20 eyadlulayo ukuba kuxhamle abahlali balelokishi indala yaseKapa. Kodwa ngoLwesihlanu odlulileyo abahlali nabebecula amaculo omzabalazo bafike bengalindelekanyo kwindawo yezakhiwo bayalela abokhi ukuba baphume baphele kude kufike ixesha lokuba kulungiswa imiba ethile abangazange bavumelana ngayo nesiXeko seKapa.
Ngokuthoba sikutyele ibimiswa okweisibini le projekthi nexabisa awamaka-waka erandi.
Kodwa emveni nje kokumiswa kolwakhiwo izimvo ziyezabethabethana. Kumaqale alendawo kuquka iGuglethu Buness Forum,Gugulethu Development Forum, uceba uLuvuyo Zondani kukho abathi eliqela likhohliswa ngabantu abathile nabebeyinxalenye yolulwakhiwo abangazange bakwazi ukubhatala abantu bakho baze bakhetha ukubaleka.
Uceba uZondani yena uthi akukwazeki kuphinde kumiswe ukwakhiwa izindlu nekudala kwakufanele abantu bazo bahlala kuzo. Ubongoze eleiqela ukuba lilwe elidabi ngendlela ephucukileyo nezakuxhamla abantu baseGugulethu kubokuba kuxhamle abantu abathile.
Ababahlali nabazibiza njengeGugulethu Disgruntled Beneficiaries bathi phambi kokuba kuqhutyekekwe ngolwakhiwo bafuna ukubona uxhwebhu lawabo bafanele ukuxhamli.
Batyhola ngelithi luninzi urhwaphilizo nalapho kucinywa amagama abantu abafanele ukuxhamli kufakwa abosondelele kwiinkokheli nakumbutho wezopolotiko othile. Babuye bakhale ngobuncinci bezizindlu ukanti kwakuvunyelwene ngezindlu ezinamagumbi amabini okulala, elokuhlala, nelokupheka. Bathi ezi ngonogogwana nje.
Enye into abakhala ngayo yingqesho yabantu baseGugulethu engabonakaliyo kwelibala. Bathi izivumelwa yayizezokuba kuzakuqeshwa u70/30 yepesenti, uninzi ingabahlali baseGugulethu.
Becula, bephethe amaxwebhu bengacengi solalaphi bathe umasipala makeze ngaphambili. Othethe eliqelauMncedisi Twalo uthe inja ingazalela endlini ukuba nje abokho baphinde babonwa bebeka imicondwana yabo ngaphambi kwimvumelwano.
“Siminka iiveki ezimbini umasipala aphumeze iimfuno zethu. Sifuna kuhlalwe phantsi kulungiswe zonke izikhalazo zethu. Izindlu siyazifuna kodwa bazibe yilento sasivulene ngayo. Enye ingxaki enkulu esinayo kukuba iinkampani ezisebenza apho zezabantu abathile kwezopolotiko. Yiyo lonto ubona uninzi lwabantu abasebenza apha ngabo bavana neenkokheli zezopolotiko. Ukuba ezizinto sikhala ngazo azilungiswa kuzakuqhawuka unobathana. Sizakuyizala gingci iGugulethu,” ugrogrise watsho
Ukanti ilungi Ofanelel ukuxhamla kwezindlu uPhumala Gcwabe uthi kudala elinde indlu yakhe. Le nzwakazi nebiyinxalenye yoqhankqalazo ikhangeleke ingathi umcimbi ayichani kakuhle ukuba uphi kodwa iyaqhanqalaza. Ithe kudalal yafumana iimpepha zayo eziyivumayo ukuba inedlu. “Nazi iimpepha ezichazayo ukub andinendlu apha. Ndilapha ukuza kufuna indlu yam. Kudala ndilindile,” itshilo.
Ophethe kulendawo yolwakhiwo uNceba Sandlana uzamile ukubonisana nabahlali nababelugcwabevu ngumsindo abanye babo bebiza ngamagama arhabaxa. Kodwa uyewanyanzeleka ukuba athobele umthetho, ayalele abasebenziukuba baqokelele izixohobo zakho, bahambe. “Okwam kukukhusela abasebenzi. Asikokwam ukuohendula ukuba kutheni kungathenenga. Andinandlela endinokwenza ngayo kuba kukho ubomi bababantu kulento,” utshilo.
Kuyekwanyazeleka ukuba indoda nendoda ibophe okwakhe ahambe.