Umhlali wase Khayelitsha utyhola amapolisa ngokungakhathali

Unkosikazi Nontuthuzelo Nowawa.

Ukhalela impathombi kwizandla zamapolisa aseHahare umama waseSite B, eKhayelitshaq nowathi wabeleka ngaphambi kwexesha. 

UNontuthuzelo Nowawa uthi wamiswa kwindawo nalapho watshayiselwa imoto ngamapolisa iyure zade zaya esineni engafumani ncedo. 

Uthi ngomhla wentlekelo wayezihambela nomama wakhe kunye nonyana wakhe bebhekise eMakhaza. 

Ngalomhla imvula yayisina kunzina ukuhamba kodwa enganqandi mntu. Uthe xa ekude kufuphi nalapho wayebhekise khona, kwigope elingena eMakhaza kwabe kukho imoto yezemthetho ehamba phambi kwakhe. Umqhubi wemoto moto leyo wazama ukubuya umva wabe yena elapha emveni kwakhe.

Ixhoba lizamile ke ukulumkisa lowo ungaphambili ngokuthi libethe ihutara kodwa yaphikelela ukubuya umva imoto de yazakutshayiseka kuye.

Ekuqapheleni ukuba wenza umonakala umqhubi nolipolisakazi kunye noogxa bakhe baphumile ukuzakujonga umonakalo. 

Njengayo nayiphi na ingozi kuye kwathethwathethwana kodwa kwabhidanwa xa usisi lo ulipolisa eninka ingcebiso ethi uNkskz Nowawa makangavuli ityala kuba alizukuya ndawo okanye lizakuthatha ixesha ukuqhubela phambili. 

Kodwa kuba imoto yakhe iphantsi kwe-inshorensi kwakunyanzelekile efumene into echazayo ukuba utshayisiwe ukuze kuzolungisela imoto yakhe. Kodwa eyona iye yamrhawuzelisa amakhwapha kukungakhathali kwamapolisa emveni koko. 

Endaweni yokumnceda kutsalwe imoto yakhe, abezomthetho bamthembisa ngokuba bazakutsalela umnxeba amanye amapolisa ibengawo athathe inkcukacha.

Kodwa yonke lonto, ngelakhe yayikukumsusa nje emehlweni. Wanyanzeleka atsalele amanye amapolisa azokuthatha ezinkcukacha abe la ezipholele emotweni yawo kulomvula. Ukufika kwemoto yesibini, uthi kwaphakama elinye ipolisakazi lambuza ukuba kutheni ingathi ukhulelwe.

“Ndathi ndiyavuya ukuba uyibone lonto kodwa elinina linditshayisileyo ayiboni lonto lona. Yabangumnqa kum ukuba inkosikazi efanele ukuphatha enye kakuhle ibeyiyo ekwandiphatha gadalala.

“Kwakufanele undibonile kwaye utsalele umnxeba abezoncedo kodwa wakhetha ukuzihlalela emotweni ngoku ngathi akukho nto yenzekileyo,” uhambise watsho.

Kodwa kuba iintsuku zasele ziphantsi kodwa hayi kakhulu watsalela kwisibhedlele sakhe nalapho ahlukuhla khona. Yaye yafika ke inqwelo yezoncedo. 

“Ndaqala ngomana ndiphathwa ngumchamo. Ngethamsanqa lam ndandihamba nomama kwaye umzi owukufuphi wandamkela ngezandla ezishushu ngokumana ndiyocela indlu yangasese. Phambi kokuba bafike abazoncedo baye bandicebisa ukuba ndimise ngomana ndiyokukha amanzi. Ndicinga ukuba yabaluncedo elikhulu elo kuba bathi bakufika bandibalekisela esibhedlele,” uchaze watsho. 

Wahlala usuku olunye esibhedlela, uMgqibelo, wabeleka kusuku olulandelayo umfanyana waze wabiza uKwakhanya. Kodwa lonto ayenzanga ukuphela kwengxaki kuba kwakufuneka kubhatalwe imoto. Intlekelo ahlangabezana nayo ngoku kuba elipolisakazi negama lalo liyaziwa yiVukani alifuni kuhlalwula imali neyaziwa njenge access fee ngamakhumtsha.

UNkskz Nowawa ukwelophulo lokufumana le mali kodwa umenzi unyamalele eKhalvari. Isithethi samapolisa aseHarare uKhapteyini Siyabulela Vukubi uthi besisipolisa bazamile ukumnceda uNkskz Nowawa ngokuthi bamdibanise nomntu oyingcaphephe emthethweni xa efuna ukufumana amalungelo akhe.

Kodwa ukwathe besisipolisa abahambisani nokuziphatha kakubi kwamapolisa kuba ngawo afanele ukubamba ucwangco. Ukwathe le nkosikazi ivumelekile ukudlulisela ityala phambili.