Njengoko le iyinyanga yokubhiyozela amagugu esiNtu ithala leencwadi esiXekweni libone kufanelekile ukuba lizeke mzekweni ngokukhuthaza ukusetyenziswa kweelwimi zethu ligxininisa ekubhaleni uluncwadi nomculo.
Olisekela mphathi kwelithala, iCentral Library, uNonkqubela Mcetywa, uthi baqwalasele ukunqongophala kweelwimi zoluNtu koovimba babo.
“Xa ujonga apha kwithala lethu nakwamanye uyakuqaphela ukuba ezona lwimi zisemva nezirhuqekayo ekusetyenzisweni zezethu ingakumbi ezethu thina bantsundu.
“Siyathanda ukuleqana nesilungu,akukhonto imbi ke nalapho ntonje siyathanda ukuba zingapheleli emoyeni ezi zethu,” utshilo uNkosanza Mcetywa.
Uthe bakwazama nokusondeza ufifi lwelwimi zamak Khoi na Nama ezisafihlakeleyo ebantwini kodwa ke ikwaziilwimi zethu nazo nangona zingekaqaqambi kangako .
“Sibize ke abakwa Center for the Book, abapapashi abambalwa abafumanekileyo ukuze baze kucacisa ngeenkonzo ezifumaneka kubo. Kwaye i Center for the Book izakuthi icacise ngezibonelelo ezikhuphayo kubabhali unyaka nonyaka. Sifuna sifuna abantu bazi banzi ngazo,” utshilo oka Mcetywa.
Uthi ngexesha ebebekhe benza umsitho okumila kunje apha enyakeni baqaphele ukuba baninzi abantu abanomdla ntonje baxakiwe ukuba bazakuphenduleka phi, njani, nini, ngubani baqonda ukuba mabaphinde benze njalo.
“Kwelityeli ke sincedisana neCandelo leNkcubeko kwicala lwezilwimi. Simema abantu abantu beze ngobuninzi babo kwaye banxibe ihombo yesiNtu,” utshilo.
Uqukumbele ngelithi kobakho umculo wesiNtu ozintlobo ofana nemaskhandi kunye nowama Khoisan.
Wonke umntu wamkelekile, itheko liqala ngentsimbi yeshumi elinanye kusasa ngomhla wama 20 apha kulenyanga sikuyo yoMsintsi.
Kobanakho ubuxhakaxhakana obuncedisa ekutolikeni xa kukho abo babethakalayo ekuveni ezinye iiintetho.
Akhona amabhaso amancinane azokhutshwa, afana neeCD ezifundisa ulwimi lweNama.