Ngexesha bezizinqinanqina, besehla benyuka, bebeke ubomi babo esichengeni sokosulelwa ngubhubhane ikhorona, amavolontiya anceda ukulwa lobhubhane ayakhuthuzwa phofu kwangabantu abazama ukubanceda.
NgoLwesithathu uqgirha osuka kwiDoctors Without Borders uxhonyiswe ngompu ilanga lihlabe umhlaba eSite C wathathelwa kwanto ngonqalintloko. Kodwa abahlali abamatshekileyo sesisenzo banethemba lokuba sisenzo sokuqala nokugqibela esikumila kunje kulendawo.
Kuchazwa ukuba lamaxhoba okukhuthuzwa asele ephazamisekile sesihelegu siwehlele kule ndawo. Esi sehlo sothuse uluntu noninzi lwawo olungene kumakhasi onxibelelwano bekhuza lomhlola.
Kwabathe bothuka kuquka nalowo uphethe ezempilo kweliphondo uNkosikazi Nomafrench Mbombo uthe kungumnqa ukuba abantu abazokuncedwa babuye bakhuthuze abancedi babo.
Uceba walendawo uMlamli Velen ulikhuphe latsola elokuba le ndawo yakhe iphume izandla ngobutsotsi.
Uthe kubanzima ukufumana uncedo eSite C ngenxa yoku, izithuthi zezigulane kufuneka zikhatshwe ngamapolisa xa zilanda abagulayo.
Uthi iinkonzo zime ngxi kulendawo kuba iyoyikwa.
“Siyayinyasha siyigxeka into ethe yehla apha. Akukho namnye umntu onokusiqhwabela izandla esenzo esikumile kunje. Apha idreyini zihlihla oko akukho mnu ufuna kuzanikisa ngoncedo kuba bayayoyika.
Ulwaphulo mthetho lume ngenyawo.
Uncedo luza nzima. Imeko yaseSite C ingaphaya kwamandla am ngoku,” uchaze watsho.
Omnye umhlali ongafunanga kunikisa ngegama lakho kuba esoyika ukuhlukunyezwa, ungqinele noceba esithi iSite C akungoku iyingozi.
Uthe umzekelo kukufa kwabantwana abancinci bedubulana.
Lomhlali ukwagxeke uburhulumente ebuza ukuba kwenzekani kwisitishi samapolisa esasime kwidederhu lweevenkile.
“Kukhe kwafa abnatwana ahlanu ngemini enye bedutyulwe ngase garaji uCaltex.
Akuphelanga veki zingaphi kwabulawa abanye apha ngaseTaiwan. Ndikunika lemizekelo nje ndifuna ucacelwe ukuba mninzi umpu apha. Kodwa amapolisa enzena, ayaphi la ayena apha? Ndiyamsola urhulumente kwesisinyifinyifi senzeka apha,” utshilo.
Uthe kuza ixesha likuba kungabikho ncedo kwaphela elijoliswe eSite C. Utsho ebongoza abahlali ukuba bawubeke iliso umba wobundlobongela kule ndawo.