Amapolisa ase Harare alumkisa abantu abagcina imipu yabantu abangasekhoyo emhlabeni ukuba ingabafaka engxakini lonto.
Xa umntu ebenemvume yokuba nompu waze wasweleka, lo mntu ebenyuliwe ngumfi ukuba ajongane nezinto zakhe xa sele engekho kuluxanduva lwakhe ukuba azise amapolisa ukuba umninimpu uswelekile azoxelelwa ngamapolisa ukuba makenze ntoni na.
“Singamapolisa sinengxaki yemipu esetyenziswa kulophulomthetho xa kufunyaniswa lo mpu ngowomntu owaswelekayo. Abantu bakhe zange bawazise amapolisa ngokusweleka komnini mpu. Yenza ke lo nto ukuba sibenemipu ejikelezayo isenza izinto ezingalunganga. Lo nto ingamfaka engxakini umntu okanye abantu bosapho abangawazisanga amapolisa ngokusweleka komnini mpu,” utshilo uLieutenant Siyabulela Vukubi
Nazi ke izinto umntu anozenza xa umninimpu eswelekile.
* Yazisa amapolisa ukwenzela umpu lowo ubeselugcinweni lwamapolisa.
* Unelungelo lokuwuzisa umpu lowo emapoliseni xa ungasafuneki nganto.
* Unelungelo lokuwutshintsha umpu ubesegameni lakho.
* Unelungelo lokuwuthengisa umpu lowo xa kungekho mfuneko yawo.
* Abantu bayacelwa ke ukuba xa bengaqondi nto ngokubanompu mabadibane namapolisa aseHarare ukwenzela bazofumana ingcebiso, bangagcini umpu abangenampepha mvume zawo.
Ukufumana inkcukacha bangaqhagamshelana namapolisa ase Harare kulomnxeba 021 3639000 okanye beze kwisikhululo samapolisa ase Harare bafune iofisi edibaniselene nezinto zemipu.