Umbutho odibanisa iinkolo ezahlukeneyo nogama liyiSouth African Religious Forum (SARF) ngokwamalungu uvutha amadangatya ngumsindo emveni kokuba uBhishopi Ngcobo waKwaZulu Natal ekhuthaze abantu ukuba baqhubeke ngeminyhadala yeenkonzo zePasika.
Le nkokheli yebandla iNkanyezi ithe ayinakumamela uMongameli Cyril Ramaphosa xa esithi makungabikho zindibano ezinabantu abali 100 nangaphezulu kuba kusoyikelwa ukunwenwa kwentsholongwane yekhorona.
Ichazela abalandeli bayo, le ndoda kaThixo ithe uMongameli “asingoThixo”. Yatsho isithi yona izakuqhubeka ngamalungiselelo nemibhiyozo yePasika.
Oko kuvuse umnyele nomsindo kwiqoqo lendibaniselwano yeenkolo neziquka abenkolo yamaSilamsi, amaHindu, amaRasta, nezinye iinkolo.
NgoMgqibelo iSARF ithe yadibana eKhayelitsha ukuza kuxoxa ngalobhishopi unendlebe enye.
Lombutho ugxininise kwelokuba lentsholongwane ngumbulalazwe kwaye ayinantsimi yankosi.
Imxwaxwile isithi uzakubulalisa abantu ngesisifo kucaca okuba size ngokungenambeko.
Lendibanisela ilumkise abantu ukuba bangamameli izidwangube ezikumila kunje.
Ibongoze abantu ukuba bamamele yonke into ethethwa ngabo basemagunyeni.
Egxeka intetho yalomfundisi umama oligqirhakazi nokwayinkokheli yeliqoqo uMaDlamini Skaap uthe umlom’ubomvu uyakunyhasha ukungaphulaphulwa kwabo bakhokeleyo.
“Ngoba ke ebunyanisweni iBhayibhile abayifundayo ibafundisa ukuba babathobele abase magunyeni, into ethetha ukuthi bathobele urhulumente wabo nemithetho yakhe noba sekukrakra kubo ngoba uMongameli uthethile wathi mabakhonze kodwa abantu bangaqgithi ekhulwini.
Abangakuthobeliyo oku bazakuthini xa kufumaniseka ukuba ebandleni elo kukho abosulelekileyo emva kwenkonzo ebebehlangene kuyo?
“Ngumbulalazwe awukhethi mntu. Kukhangeleka ingathi ihlabathi liya esiphelweni yilekhorona,” uzityande igila watsho.
Ethetha nabeendaba umam’uSkaap ubongoze amagqirha, iinyangi namaxhwele ukuba angakulinge akhohlise abantu ngelithi banechiza lale ntsholongwane.
Uthe akukho namnye umntu onokuthi unalo iyeza okwangoku.
“Akukho sifutho, yeza, mhlabelo okanye into ekuthiwa iyathanjiswa enyangayo. Lobhubhane wentsholongwane uyingozi ngako ke abantu mabangakhohliswa. Ndiyacela amagqirha akuthi ukuba angagabhisi abantu okanye abapeyite kuba esithi ayayinyanga lentsholongwane,” uhambise watsho.
UMfundisi Elouise Rossow nongusekela sihlali kweliqoqo naye ukhwele ezehlela kubantu abangafuni kumamameli iinkokheli zezwe.
Ugxeke kakhulu abanxaxhi esithi ilizwe lijongene nengxaki embi yentsholongwane ngako oko kufanele kubanjiswane ukulwa lobhubhane.
“Asikwazi ukuthi sikhokele sibuye sifundise abantu ukungamameli.
“Mhlawumbi uNkulunkulu kunento asifundisa yona. Eli lixesha lokuba iinkozo zingalali, zithandaze ubusuku nemini. Mhlawumbi yinto efunwa nguSomandla leyo.
Ukuba siyaqhubekeka ukunikisa ngemiyalezo ekhohlisayo, siyabe sibeka ubomi babantu bethu esichangeni,” utshilo.
Ukanti yena uZamuxolo Mfihlo ugxeke iinkonzo neenkokhlei zazo ngoku libala inkolo zingene kwezopolotiko.
Uthe isifundisi silulibele ubizo laso ngoku bangene kwinto engabafuniyo. Uthe konke oku kwenziwa kukuba uninzi lwabefundisi luxhamle kakhulu kwiinkokheli zezopolitiko.
Uthe zithi zakungaxhamli kuMongameli ophetheyo ziqale ngokunxaxha.
Eliqoqo libongeze bonke abantu balandele imithetho nemigaqo ngale ntsholongwane. Bakwathe kwabo badinibenye kwezondawo bakuze makubekho izinto zokuhlanba izandla kubekho nomtyhi phakathi kwabantu.
Lo mbutho uthembise ukuthi gqolo ukuhlola amabandla ukuba ayawulandela na ummiselo kaMongameli.