Uncedo kumaxhoba omlilo aseKhayelitsha naseKosovo luthe gqolo ukuphokoka kodwa alwanelanga.
Abaququzeleli balamaxhoba omlilo bathi abantu basavumelekile ukufaka isandla.
Abantu abahlala koogobityholo base Town Two koSST naseKosovo eKhayelitsha bathe bavelelwa sisithwakumbe sokutshelwa ngamatyotyombe abo angqongqa ngumlilo ongaziwayo. Kuqale kwatsha oSST ngoMgqibelo nalapho amakhaya angamakhulu amathathu anamshumi mane anesibini (342) athe atsha angqongqa kwalahlekelwa abantu abaliwaka namakhulu mathathu anamashumi mahlanu anesihlanu (1355) kulenyanga yeDwarha nalapho kuswelek umntu wamnye. Unobangela womlilo usaphandwa. Kuthe kusothukwe leyo, kwatsha malunge nekhulu elinamashu amabini 120 amatyotyombe eKosovo kwisuku eliandaleyo kwalahlekelwa abantu iwaka namakhulu amane 1400 abantu. Ngokwabantu abaxhumanisa amaxhoba omlilo nabo ba
Umxhumanisi wabo bazise uncendo uZoliswa Lonja nosebenzala I-Arhente yokhuseleko loluntu yoMzantsi Afrika uncome kakhulu abao bathe bazise uncendo. Uthe abantu bomzantsi ukusuka kosaziwayo bomabonakude, izitshotshovi zasekuhlaleni nezomzabalazo, abantu banje abazimeleyo nemibutho yasekuhlaleni engathathi ntweni benze igalelo elikhulu.
“Abantu bsaskgalela nangoku. Sineendawo apho izinto zisiwa khona. Ndingatsho ukuthi zonke ezindawo ukusuka edolophi ukuzakuma apha kwezi ziseKhayelitsha abantu bayagelela. Zininzi ke izinto abazigaleleyo ukusuka ezimpahleni ukuya ekutyeni,” utshilo. Kodwa uthe akwanelanga kuba amaxhoba maninzi kodwa akufani nokuhlala.
UNkszn Lonja uthe abo basafuna ukuphosa esivivanene iingcango zisavuliwe. Ubongoze abantu baye kwiziko lolilo eliseSite C naseMakhaya, kanti nakwiofisi zakwaSassa.
Ukanti amaxhoba amaninzi ayigxekile indlela ekukhutshwa ngayo iimpahla esithi anikwa amanikiniki zize ezibhadlileyo zithathwe ngabanikisi. KodwauLonja ukuphikile oko esithi bona abakanikisi ngeempahla. “Singabanika kanjani abantu iimpahla bengakabi nandawo yokuhlala? Thina sisaqokelela. Kuzakuthi ke ngoku bakugqiba ukuba nendawo yokuhlala siqlise ukukhupha iimpahla. Ndiyacinga ukuba ezibazifumanayo zezabantu abasuka baye ngqo phaya,” uphike watsho.
Ubuye wamemelela ukuba abantu abaneempahla baqhakamshelane nabo okanye baye kwezindawo zibeka iimpahla.
Omnye wabantu abthe bafaka isandla nonguMelika uRashaad Mayweather uthe ufuna ukunceda abantwana kakhulu. UMnu Mayweather nofike ephethe iinqwaba yezihlangu abancinci uthe kulusizi ukubona abantu belahlekelwa yinto yonke. Uthe ke olwekhe uncedo ulijongilise ebantwaneni. Lomdlali mabali kamabonakude uthembeise ngoku hlaba ikhwelo kwabakubo nabazinze eMelika.