Iinkokheli zaseGugulethu zimaxhaphetshu zizama ukulungisa ingxubakaxaka ephakathi kwetekisi ezibizwa ngokuba ngamaphela nabahlali.
Usukusela ngoMgqibelo weveki ephelileyo ezinkokheli zibambe uthotho lweentlanganiso zifuna isisombululo.
Intsusa mabandla kukugxogxwa nokubethwa kwamaphela athutha abantu.
Kuthyolwa ngelithi igquba labahlali ebelivutha ngumsindo lihlasele kwanto eyimoto eluhlobo lwe-Avanza emva kwengxelo zokuba kuxhwilwe kwadlwengulwa usana oluneminyaka emithathu.
Esi senzo nekubikwa ukuba senziwe ngumqhubi othile asehlanga kakuhle emiqaleni yabahlali.Â
Baqalise ngoko nangoko ukubetha ojikeleza.
Omnye wooceba eGugulethu uSharon Manata uxelele iVukani ngoLwesibini ukuba kusekude engqinibeni.
“Sisaxoxa bhuti akukabikho sisombululo. Kodwa manditsho ukuba sinethemba lokuba izinto zizakulunga. Sithemba ukuba sakude siphume nento ezakwanelisa wonke umntu ochaphazelekayo,” utshilo.
Kodwa esisenzo sokubethwa kwalamaphela asehlanga kakuhle kubo bonke abantu kuba sichaphazele namashishini asakhulayo.Â
Ukanti abantu nabo bachaphazekile kuba kufuneke bahambe imigama emide.
Usomashishini ongenakubizwa ngegama kuba kusoyikiselwa ubomi bakhe uxelele iVukani ukuba kubalulekile ukuba abantu benze izinto ngendlela ephucukileyo.
“Benze kakuhle ukuzama ukulungisa kodwa yonke lento ichaphaela amashishini ethu. Thina sithi zesitye lamaphela azise abantu kuthi. Kodwa ke nabaqhubi siyababongoza ukuba bohlukane nemikhuba emibi,” uthethe watsho.
Umhlali uLunga Maqhubu usincomile isenzo sabahlali esithi kufuneka bathi gqolo ukuwabetha amaphela xa esenza izinto ezimbi.
“Kunini sakhala ngamaphelaathuthuzayo? Ngoku bayadlwengula. Ibinga lento inhaqhubekeka. Ezindleleni ezinye imoto kunzima ukuhamba ngenxa yabantu abacinga ukuba bayalawula. Sidiniwe kukuphathwa kakubi ngabantwana abangenambeko. Nokuba bangahamba kuhambe itekisi ezinkulu,” uthethe watsho.
IVukani ayifumananga lizwi kumbutho wonotekisi iCata ukanti amapolisa athi ayiqaphele lemeko.  Â