Kunzima kwabo balele ukuthula kumangcwaba akwaLanga kuba oonqevu bayazenzela kumatye ahombise apho.
Kwinto engaqhelekanga nengumhlola, amangcwaba athe gqolo ukutyuthulwa amatye nekutyholwa ukuba kwenziwa ngawo izinto zokuhombisa.
Lomhlola ubangela uku abafi bangaphumli behlutshwa yimiguvela.
Kutyholwa ngelithi lemiguvela ayilali buhlayo,isovuyavuya abafi, izenzela kobubucwebe bamatye.
Lomkhwa ukhokelele ekubeni uluntu nezizalwana zabo bangasekhoyo nabo bangalali buhlayo kukuxhalabela ukumoshwa kwamangcwaba ezihlobo zabo.
Kwisenzo sakutsha nje usapho lwamaQwathi kwaFaku lothuke lwaphantse lwafa xa lifumana ingcwaba lika mama walo uDideka Faku lingena lityeeligqume ingcwaba.
Luthi olusapho lothuswe kukufumana umnxeba kumntu obetyelele ingcwaba lakowabo ngomhla wama26 kweyoKwindla eluxela ukuba ingcwaba likamama wabo livulekile.
Othethela olusapho uBathande Faku-Klaaste noyintombi yomfikazi uthi kwakungathi akusi bazakuya kuzibonela.
Uthi luhambile ke usapho ngengomso ukuya kuzibonela esisihelegu.
“Sithe xa sifika safika umphezulu wonke ungekho kucaca mhlophe ukuba libiwe. Iye yasothusa kakhulu lonto kuba asizange sawuva onje umhlola. Isehlo esinje sinqabile kwaLanga,” utshilo.
Uthe waye wakhawuleza ukuya kwabakwantsasana ukuya kumangala. Uthi namapolisa aye amatsheka sesisehlo.
“Eyona nto indivisa kabuhlungu yeyokuba umama wam wakhula ehlupheka, esokolela thina kanti uzakusokola nangoku sele elele ukuphumla. Kodwa ke ndithi akusenani makenze umenzi kodwa likhona ilanga apho azakuphendula khona,” ushwabule ngelitshoyo.
Ngexesha iVukani ityelele olusapho, ifike limaxhaphetshu emadlakeni, lizama ukubuyisela ingcwaba kwisimo salo. UNkosikazi Faku-Klaaste nomtshana wakhe uNtomboxolo Lewu bezama ukuba libuyele kwisimo salo idlaka likamama wabo. Ekhathazekile, uNtomboxolo ubongoze abahlali ukuba baphakame ukuya kujonga awabo amangcwaba. Uthe kufuneka iintsapho zithi gqolo ukutyelela amangcwaba ziwahlole.
“Kukho amabalwa asele ecaca ukuba ayaqaliswa ukuvulwa. Kuyacaca ukuba lento izakuba sisiqhelo kwaLanga. Ingathi ubani nabani ngesenza iinzame zokutyelela apha ukuzakujonga umonakala,” utshilo.
Uceba wakwa wadi 52 uSamkelo John uthi umba onjalo awukafiki kuye kodwa kumele kudityaniswe amaqumrhu asekuhlaleni kwakunye norhulumente ukuze abantu bayazi imicelimngeni ekhoyo ekuhlaleni.
Uthe kufuneka kubekhona intlanganiso nalapho abantu bezakwaziswa ukuba kuyafuneka babe ngamehlo asekuhlaleni.
“Kodwa bekufanelwe ukuba ayagadwa ngumasipala. Yinto embi le ndiyivayo nefuna ukususwa neengcambu isaqala,” utshilo.
Ukanti isiXeko seKapa asikaphenduli kwimibuzo yeVukani.