Umbhali -ncwadi osaze ngobuso elizweni uKhanyile C. Peter, nosandula ukupapasha incwadi yakhe ebizwa ‘Iinzingo Zembokodo’ umemelela uluntu, ingakumbi ulutsha ukuba lube ngamathandazwe azingcayo ngolwimi lwawo nafunda iincwadi ezibhalwe ngolwimi lwawo.
IVukani ibenodliwano-ndlebe nelityendyana lombhali ukuva banzi ngakuqulathileyo kulencwadi yakhe…
Gqaba-gqaba ngubani uKhanyile C Peter?
Ndilityendyana lomfana onamashumi mathathu anesihlanu imiyanka. Ndihlala kwilokishi yakwaLanga kodwa ndizalelwe eTsomo eMpuma-Koloni. Kwathi ngenxa yemeko zokungavisisana kwabazali ndayokukhulela kulomama Engcobo. Amabanga aphantsi ndiwenzele khona, ndaze imfundo enomsila ndayifumana eThekwini kwizifundo zolwimi.
Ingaba ukuba ngumbhali yayiliphupho lakho kwasekukhuleni okanye yinto oye wayithanda apha ekuhambeni kwexesha?
Ndikhule ndikhuthazwa ngumama ukuba mandifunde iincwadi zamabali. Ndithe ndakuqala ukufunda, ndaqonda okokuba ndiyakuba ngumbhali nam ndakuba ndikhulile. Ndiqale kancinci ngokubhala amabali amafutshane nemibongo, nangona ingazange ipapashwe.
Sixelele kabanzi ngalencwadi yakho nokuba myalezo mni ofuna ukuwudlusisa kumzi kaNtu?
Lencwadi ichaphazela ubomi bama nina amane nenkxwaleko aphila phantsi kwazo. Ndifuna ukuveza ukuba iintsokolo aphila phantsi kwazo amanina uninzi lwazo lubangwa ngamadoda.
Ngale ncwadi ndinqwanqwada amadoda akhe abuye umva ajonge indlela ahlukumeza ngayo abantu abango mama. ndibonisa nokuba abantu abango mama indlela abanyamezela ngayo bade baphumelele phantsi koxinizelelo abaphila phantsi kwalo. Ndifundisa ukuba umntu akunyanzelekanga anyamezele iinzingo ezenziwa yindoda, angazimela ngaphandle kokuxhomekeka.
Ikuthathe ixesha elingakanani ukubhala lencwadi yaye yeyiphi imiceli-mngeni ohlangabezene nayo?
Indithathe iinyanga ezilishumi linanye. Umceli mngeni endiwufumeneyo kunqatyelwa ngabantu bokuhlahluba iimpazamo endizenzileyo ngethuba ndibhala. kunzima ukubona iimpazamo ozenzileyo kumsebenzi ubuwubhala ngokwakho.
Njengatyendyana lomfana osaze ngobuso elizweni ungathini ukukhuthaza abantu abatsha ukuba bakukhuthalele ukufunda iincwadi ezibhalwe ngolwimi lwabo?
Ulwimi lakowenu lulo elikhawuleza libonakalise ukuba uzalwa kwesiphi isizwe.
Ukuba ulithandazwe, uyazingca ngobuwena kwaye ufuna abantwana bakho nesizukulwana sakho sikhule sizingca ngobuXhosa, ndiyacebisa abazali bafundise abantwana besebancinci kwaye babonakalise ngokufunda kunye nabo.
Ingaba uthakazelelo lube njani eluntwini ukuzakuthi ga ngoku ngalencwadi?
Lube lukhulu kakhulu xa ujonga indlela abantu abangasathandi ukufunda uncwadi olubhalwe ngesiXhosa, ndithethanje sendithengise iincwadi ezingamakhulu amabini, ndingasebenzisi amathala ezencwadi, ndizithengisa ngokwam.
Ingaba singalindela ntoni kuwe njengombhali kwilixa elizayo?
Ndithetha nje nawe ndibhala uncwadi oluzohlelelwa umabonakude, oluchaphazela inkolo yakwaNtu namayeza esiwasebenzisayo esiNtu.