Maphelo Daka, Crossroads
Ndizalelwe futhi ndakhulela eOld Crossroads kodwa andiyazi umhla eyavela ngayo lendawo,ewe lemeko iyasichana thina bahlali ingakumbi ulutsha,kuba isintu sithi xa imvelaphi yakho uyazi,unekamva eliqhakazileyo nempumelelo.
Kaloku ndicela bonke abahlali abadala kunye nekomiti zalapha eCrossroads Xa kukho imeetings zokuhlala mabayikhankanye idate eyavela ngayo lengingqi rhoqo.
IGugulethu,Soweto nezinye ilokishi zinalo usuku nonyaka ezathi zaqaliswa ngalo futhi lonto iyabaphuhlisa kuba bathetha ngesiqalo sabo bona bahlali bejongene nengomso labo.
Mhlali ngaphambili waseOld Crossroads siphe umhla wokuvela kwethu kwimeetings,ibalulekile ekwakheni lekasi iyephambili,ndiyacela.
Amarhe athi lengingqi idlale indima ebalulekileyo kwi-apartheid,ibonise ukuba ikamva likhona,kungaphela ukuduma okungalunganga ngayo,kuba umkhondo wembali yethu uzosinceda sibeqilimba.