Iyintoni na lento iyindoda kwisizwe nakwindawo apho kugquba indlala, intlupheko, intswelo ngqesho nokuphathwa kakubi kwamakhosikazi nabantwana nalapho kuphilwa nentlanga ngentlanga? Ezi zezinye zezinto ebezihamba phambili kwiingxoxo ebezibanjelwe kwiholo yaseGuga S’thebe kwaLanga ngoLwesithathu weveki ephelileyo umhla wama 22.
Lembizo ibijongene nobume bobudoda kwingingqi ezihlala abantu abangathathi ntweni. Ibikwajongene nokuxhobisa nokuphuhlisa wonke umntu kwizinto ezinxulumene nokuba yindonda ekuhlaleni.
Ibiqhakamshele oomama,amadoda, isini, amasiko kunye neentlanga ezahlukeneyo.
Idyunivesti yoMzantsi Afrika nabasebe ayo ohlukeneyo isebenzisana neofisi enceda uluntu lakwaLanga ixukushe umba wokukhuliswa kwamatyedyana nangabafana abatsha ababuya esuthwini kwiimeko ekuhlalwa kuzo ekuhlaleni. Owona mba ubutshisa ibunzi kokuba kulungile na ukubizwa indoda ube ungenamali okanye ube ungena kamva eligqamileyo nokuba yinto le iyindoda ngokwamasiko nezithethe zkwaNtu.
Le Dyunivesiti nebikhokelwe nguNjingalwazi Kopana Ratele negqiza lakhe labafundi kunye noogqirha uthi uxhalabile yindlela ababonwa ngayo abo babuya esuthwini. Le dyunivesti ithi kuyakhathaza ukubona abantwana bebuya esuthwini, benxiba iimpahla zikanokutsho kodwa ikamva libe limfiliba. UMnumzana Ratele uthe babone kubalulekile ukudlana indlebe nabantu abakufutshane kulomba. “Silapha kuba kudala sihamba sithetha ngomba wobudoda kwezinye indawo. Kodwa asizange sifikelel kwindawo zabanatu abachaphazekelayo ezifana noLanga, Khayelitsha, Gugulethu nezinye iindawo. Indaba yeyokuba abantwana abanganakhwenkwe athunyelwa esuthwini abuye engamadoda. Futhi amakrwala alemihla anxiba iimpahla ezibizayo, anxiba amagama. Ibabekaphi abazali lonto kwezimeko sikuzo zentswela ngqesho nokuhlupheka? Uyindoda njani xa ungakwazi ukondla? Ungazibiza okanye ubeyindonda ngokwesiko nesithethe sakwaNtu kodwa kube kukho abakubona nje. Ezi ziznto ke ezisibeke apha, sive kuluntu jikelele kuquka oomama babantwana,” uxelele eliphephandaba.
Uye wayigxininisa indaba yomama xa kuthethwa ngomba wobudoda. Uthe nangona otata bebabeka bucala oomama kwimiba yobudoda, uthe kodwa kubalulekile babeyinkxalenye yemicimbi ekumila kunje. “Ababantwana bakhuliswa ngabamama. Kuthi kwakuvela iingxaki sibuye sibuyele kwabamama. Sibabizile ukuba bafake izimvo zabo basixelele banethmeba na bona kwiimeko esiphila kuzo,” uthethe watsho.
Lendibabano nebiquka iingcibi neenkosi zomthonyama inconyiwe ngokunika bonke abantu ithuba lokuphefumla ngobudoda. Othathe inkxaxheba nongumama uNoma Moshani uncome esithi ziyafuneka iinkqubo ezinje kwakhona. Unqwenele ukuba wonke umntu angabanendlela yokubona indima yomama ekwakhiweni kwamadoda. Uthe imibe ezijongene nabantwana kule mihla kukunqongophala kootata. Ukanti othethe iinkosi uNkosi Zwelidanile Galada uthe ukwaluka kuphela akwenzi omntu abeyindoda. Uthe ubudoda buquka izinto ezininzi ezahlukeneyo. “Amadoda afundiswa izinto eninzi, ukuziphatha, intlonipho koomama nabanye abantu nokukhula bazakhele imizi yabo. Indoda asinto ema esikoneni zezitrato idlala ngefowuni,” uthethe watsho.
Ukanti abahlali bathe kuninzi okufanelwe ukwenziwa ukukhulisa nokuphuhlisa amadodana. Umhlali uMangaliso Mdlalo uncome lendibano kodwa esithi akukho qhakamshelwano ncakasani nolutsha. Uthe kufanelewe bafundiswe ubuchwepheshe bale mihla. “Kunento embi le yokungabambi ixesha. Yenye yezinto efanele ukupheliswa. Kanti ke kufaneke ababantu batsha sibanike lento ilizwe liyiyo kuquka ubuchwepheshe,” Utshilo.
Indlu ivumelele ngokuncedisana ekhwakheni abantu abatsha nokufumana isisombululo zeemeko zendlala nentlupheko kunye nentswela-ngqesho.