Bacebisana ngophuhliso abafazi

Imvula kunye nengqele khange iwatyhafise amanina asematsha anamashishini asakhulayo enkusingatheni umsitho ubujoliswe ekukuthazeni abasetyhini abanamashishini kwindlela zokuwakhulisa. Lomsitho obizwa ngokuba yi Women In Business Networking ububanjalwe eLook Out Hill eKhayelitsha nge Cawe uhla wama 26 kweye Thupha obuququzelelwa ngumbutho iMy Foundation mashishini basekuhlaleni kunye neminye imibutho yesisa. Iinjongo zalomsitho ibiku kwenza iqonga labantu basetyhini abanamashishini kwaye ikwa baququzelela uba mabafunde ukuzimela bangaxhomekeki emadodeni.

U-Olona Xali, uthi injongo ibikukwabelana ngolwazi nokucebisana malunga nezinto ezimalunga nokukhulisa amashishini asakhulayo. UNksz Xali ugxininise ngelithi ixesha lokuba amanina asebenzisane kwaye axhasane lifikile.

UNksz Xali uthi enye yenjongo zokuba bedibene bafuna ukufuthelana ngolwazi kwaye benenjongo zokuphuculana. Elinenekazi lineminyaka engama-24 lithi, liseke lombutho phantsi kwenjongo zokukhathaza abantu abatsha bazenzele ikamva eliqaqambileyo . Eligqiyazana liyakholelwa kakhulu uba abantu abatsha banezakhono ezimandla ntonje badinga amathuba okuziveza.

UNksz Xali uthi eyona nto engamandla ethe yathethwa zizithethi ngezithethi yeyokuba abantu batsha mabe ngabavelisi yemisebenzi kwaye banyamezele kuba ekunyamezeleni kukho umvuzo.

Wongeze ngelithi bonke osomashishini ebebeyinkxalenye yalomsitho bakhangeleka bevuselekile kwaye lonto ithetha likhulu kuye. UNksz Xali uthe kubalulekile uba imisitho ekumila kunje ibekho kuba kulapho bafumana amathuba okucebisana nokufundisa.

UNksz Xali uthi ixesha lokuba babhale imbhali entsha ngendawo yaseKhayelitsha neziphaluka lifikile. Uhambise wathi baninzi abantu abatsha abanamishishini ntonje badinga umkhombandlela wokuwakhulisa lonto idala uba bawayeke lomashishini wabo.

Uthi unenyanga nje zintathu esungule lo mbutho wakhe kwaye usajonge ukwenza inkqubo ezikumila kunje nakwezinye indawo zabantu abamnyama. Wongeze ngelithi kubalulekile uba bawenze kule nyanga yomama lomsitho ukumila kunje. Ukwabongeze amanina ngelithi mabangazithandabuzi kwaye mawazingce ngezinto azenzayo. “Lomsitho uzama ukuvuselela nokukhathaza abasetyhini uba nantoni na abafuni ukuyenza banako ukuyenza.

“Ikamva lelizwe lisezandleni zabantu abatsha ke lonto ithetha ukuthi mabavuke emaqandeni. Ndiyakholelwa ukuba sonke xa sinosebenzisana singatsalelani phantsi siyangaphumelela kwaye siyephambili. Eli xesha lelethu abantu abatsha ukuba sizenzele ikamva eliqakazileyo,” utshilo .

Umsunguli we Widows Empowerment Programme, uGqirha uNomfundo Mali, uthi indibano ezimila kunje zibalulekile kuba zivesa amathuba.

Uthi wasungulo lombutho wakhe kunyaka ophelileyo ngenjongo zokwenza iqonga aph abahlokazi banokuthetha phandle ngenxa kunye nemicingeli abathi abahlangana nazo emveni kokuba beshisyiwe ngamaqabane abo.

UGqirha Mali uthi uziva echulumancile xa ngoku imistho emila kunje.

Omnye wezithethi ebeziphambili nokwa ngumbhali uNwabisa Kobe okhuthaze amanina uba mawavuke azenzele.