Alusalali buhlayo usapho lakwa Somdyala eKhayelitsha emva kokulahleka konyana walo.
UZukile Somdyala (32) wagqityelwa ukubonwa ngomhla wama 26 kweyoMnga esiyakuzonwabela nabahlobo bakhe. Akazange abuye abonakale nangotshengele.
Usapho lwakhe lumkhangele naphantsi kwamatye kuba luxhakabile kukulahleka komntu omdala.
Umzala kaZukile uKhayakazi Lewu uthe akukho ndawo bangayihambanga befunisa ngaye. Uthe izihlobo nezalamane zikhathazelekile. Uthe zingaxola xa zinokufumana umkhondo.
“Akukho ndawo singamfunanga khona kodwa akukho mkhondo tu. Amapolisa akhe afike esithi kukho umntu othile ofunyenweyo kodwa xa sifika ibe ingenguye,” utshilo.
Umchaze umzala wakhe njengendoda ebizithulele. Uthe nokuba ebezityela amagwele akhe ebewatyela endlini.
“Ibingengomntu wetshomi kakhulu yena. Ubesithi ukuba uyaphuma esiya nokuba kuphi na, ebezihambela nentombi ancuma nayo. Kodwa ngalemini wayishiya emva,” utshilo esithi yeyonanto yabothusayo ke leyo.
Uthi ukugqityelwa kwakhe wayenxibe isikipa esinavy, ibhulukhwe engwevu kunye neteki eluhlaza.Â
Ucele nabani na othe wambona aqhakamshelane namapolisa okanye azise izihlobo zakhe.
“Sawuluvuyela naluphi na uncedo. Asinto ilula ukulahleka komntu. Asisalali okoko kwathi kwehla esisihelegu. Siyacela kwabo banokuba bambona beze ngaphambili,” uxelele iVukani.
Uthi uyafumaneka kulo mnxeba 083 465 3249.