Uqhwatyelwe izandla umbutho wesisa nongathathintweni waseKhayelitsha ngokuthi unikise ngoncedo kwabo bangathathintweni. Lombutho iKwakhanya Greening and Home-based Community Care Project, nokhokelwa ngunkosikazi Phelisa Mzolisa ngumbutho ojongana nabantu abanezigulo ezahlukehlukeneyo kodwa ugxininise kakhulu kwabo basulelwe sisifo sika Gawulayo. Uthi utyise abo basele ukutya phambi kokuba bathathe amayeza abo. Awuphele apho, kutsha nje uqokelela iincwadi neempahla zabantwana besikolo.
NgoLwesine esisuka kuyo lom mbutho uthe wathi jize oomakhulu, ootat’omkhulu, nolutsha lwaseKhayelitsha ngempahla wogqiba wabatyisa. Ibiyimini emnandi kubantu balengingqi. Lengxikela yetheko ibihanjelwe phakathi kwabantu nangusodolophu waseKapa uPatricia de Lille, noceba uSuzanne Little, uceba uSiyabulela Mamkeli kunye noceba uPhiliswa Marman.
Emveni kufumana iimpahla kuquka neengubo, abathe baxhamla bamncomile umphathi walombuthu uNksk Mzolisa ngobubele. Bathe lentsengwanenakazi kudala yabaluncedo kubanatu baseKhayelitsha. Umama uNontsikelelo Penxa umchaze lokaMzolisa njengesikhukukazi.
“Ukufika kwakhe ngo1994 ndandi ngomnye wabantu endandingamqondi kakuhle. Kwakukudala abantu besixhaphaza bahambe bengenza nto. Ndandisithi ungomnye wabo kodwa wazibonakalisa ukuba ungumntwana ophuma kwikhaya elinembeko nengqeqesho.Wabonakalisa ukubathanda abantu. Wafika wathengela abantwana bethu iimpahla zesikolo, wasicebisa nangezifo nendlela zokuphila. Kunanamhlanje usasondla asinxibise,” umcacise njalo.
Uthe iSite C ithamsanqalekile ukuba nabantu abafana noNskz Mzolisa.”Into entle ngaye akazange asishumayeze ngepolitiki, usishumayeza ngokuzinakekela nokuqeqesha abantwana bethu ngendlela eyiyo. Sibadala singaka, sifunde lukhulu kuye kwaye sisafunda. Sithi kuye ntinga ntaka ndini,” ugqibezele ngelitshoyo.
Lentsengwanekazi ixelele eliphephandaba ukuba ukunceda abantu yinto esuka nayo kude, kwikhaya layo. Ithe umama omzalayo wabafundisa ukuqhekezelana xa besitya.
UNkskz Mzolisa uthe ukuqala kwakhe lombutho wayebona usizi lwabantu abamnyama nabahluphekayo, besifa zizifo. Uthe kumakhaya amaninzi abantu abaninzi basweke sisifo sikagawulayo kuba babengakutya futhi kuswele iingcebiso.
“Andizange ndikwazi ukubukela abantu besweleka yindlala. Ivele apho ke iKwakhanya. Thina sikhule singamantombazana amane, sikhululiswa ngumama onobubele kakhulu.
Umama wayengakwazi ukutya omnye umntu engatyi. Lonto yile yenzeka apha kum. Ndafunda ukwabelana nabantu. Lento ndiyenza namhlanje ndayiqala kudala,” utshilo echaphaza iinyembezi.
Lendlezanekazi nenguceba ngoku iyikhabele kude into yokuba yenze lomcimbi kuba ifuna ukufumana iivoti zabantu. Ithe into yobuceba yinto entsha kuye kwaye yinto yexehsan.
Uthe ngabantu abangenalwazi abacinga ukuba ufuna abavoti kanti usaqhubekeka ngomsebenzi wakhe awuthandayo.
Ebulela abantu ngokuzidina kwabo, uceba uMarman uthe bamngcine uNkskz Mzolisa. “Lo mama unentliziyo entle kakhulu. Akanelanga nje ukunikisa kubantu baseSite C kodwa iKhayelitsha iphela. Ninethamsanqa nina bantu baseSite C ukufumana umama onje ngalo. Nimqwayite angaboli lomama. Kodwa nayi masinibulele ngokuzidina nisabele elikhwelo athe walenza,” utshilo.