Lizakuntingela kwelendudumo ityendyana laseGugulethu emveni kokugqwesa kukhuphiswano olubizwa Baswa le Meetse (BLM) National Competition nolubanjwa minyaka le liSebe lezaManzi.
Olukhuphiswano belubanjelwe eBrackenfell ngomhla we 13 apha kuCanzibe nalapho bekukhuphisana iingqanga kwezomculo nokubonga.
Injongo yeSebe leZamanzi kukukhuthaza ukusenyenziswa kwamanzi ingakumbi lulutsha ngendlela ephucukileyo. Lo ngumbono ka2020 welisebe nelithemba ukuba abantu bazakuzimisela ekongeni amanzi kuba enqongophele. Ukanti lijoliswe kwabo bakumabanga aphantsi abenza igreyidi yesithandathu.
Lembongi yomthonyama isantshulayo uInam Maninjo akakwazanga ukuwuvala umlomo ngexesha iVukani ityelele isikolo sakhe ukuza kumbona.
Eyona nto imvuyise ngamandla kukuba uzakuqala ukuhaba emoyeni. Le mbongi ithe ingxamile ukuya kubonisa ngesakhono sayo sokubonga ezizweni. Ethetha neVukani eligatyana lithembise ukubuya nembasa kwelendudumo.
“Ndizakuqala ukukhwela inqwelomoya. Ingathi lomhla awusafiki de ndikhwele,” utshilo.
Ebuzwa ngesakhono sakhe sokubonga apho sivela khona, uInam uthe yinto ayithandayo nacinga ukuba ufuna ukuqhubeka nayo. Uthe ujonge phambili kwaye akabanakubuya ngamva ekubongeni. Uthe umnqweno wakhe kukubuya nembasa kolukhuphiswano.
“Kodwa ndiithembile ukuba ndizakuphuma phambili. Umbongo wam uyafundisa kubantu abatsha nabadala ngendlela emasigcine ngawo amanzi. Ndiya eRhawuti ukuya kuphumelela,” utsho ngelizidlayo.
Utitshala womculo kwesisikolo uZola Mqobo uthe uyazingca ngabantwana bakhe xa bebonke. Ezele luncumo uthe kuninzi okuhle okuzayo kwisikolo sakhe. Uncome abantwana nootishala ngokuzinikela emculweni nasezifundweni zabo.
Ukanti kulonyaka elikhuphiswano belungenelelwe zizikolo ezisithoba eNtshona Koloni nalapho bezikhuphisana ngomculo wasekhaya, imidlalo yeqonga, imibongo nemizobo.
Umxhumanisi wolukhuphiswano uElaine Ontong uncome indlela izikolo ebezizinikele ngayo. Uthe nangona amanani ezikolo angeneleleyo ehlile, ngomhla wokhuphiswano kudlene iintsimbi ntoleyo eyenze kwanzima kwabo bakhethayo ukuphuma nabaphumeleleyo lula. Kodwa ekuqgibeleni kuyanyanzeleka kubekho abaphumelelayo.
“Kulonyaka zithe ukugqwesa izinto kanancinci. Siyeke ukujongana nabantwana kuphela kodwa sifake nootitshala ukuba nabo babeyinxalenye. Sifuna ukuqinisekisa ukuba nabo bathabatha indima kwinto yonke esiyenzayo,”uthethe watsho.
Kwizikolo zalapha ekhaya nezithe zaphumelele nezizakuya kukhuphisana nezinye eRhawutini namanye amaPhondo yi-Injongo yaseKhayelitsha kumnxentso wesintu nakwimibongo.