Axhotyiswe ngamazwi obulumko naluqilima amanina aseBrownsfarm ePhilippi ngexesha ewongwa ziinceku, amapolisa kunye nombutho iGift of the Givers ngoLwesine, kwiveki ephelileyo.
Kwabo bebezithethi bekuquka igorhakazi lomfundisi uAnita Pamla nowaziwa ngokuthetha poqo, engafihlisi. Nangalomhla ke akadanisanga wenze adume ngako exelela amanina ngokubaluleka kokuzimela. Egxeka ekwahlasela amadoda ngempathombi kumanina nabantwana uNkosazana Pamla ukwehle enyuka kumanina ngokuthatha ezisulu. Utheni ukuthanda izisula zibenza amaxhoba oodyakalashe. Uthe impumelelo yomntu ngamnye ixhomekeke kuyo. Kuqwatywa izandla ngamanina nabem
Malunga me 150, lomfundisi ukwagxeke amanina ngokuziyekelela abuye athengise ngabantwana babo emadodeni. Ukwathe amanina kufuneka ayeke ukuzithoba isidima ngokuleqa amadoda ngemali yesondlo sabantwana. “Hlukana nokucinga ngutata womntwana. Sukuhamba uzithoba isidima ufunana nemali yomntwana. Ukhulelwe, wabeleka bona ukuba uphuma njani. Funda ukuzimela kuba izakuxhaphaza indoda,” uthethe watsho. Ukwalumkise lamanina ukuba ohlukane nokuthanda amadoda ngenxa yezinto anazo.
“Uvuyela ukukhwela iBMW ongayaziyo nokuba ixabisa malini. Uzibona unxiba iimpahla ezidulu kodwa awusebenzi. Oomama bavumele ukubona iplastiki zikutya zingena kodwa intombi ayisebenzi. Uthengise umntwana wakho ngepleyiti yokutya. Umntu makathandaze. Amcele uThixo lento ayifunayo. Ukuba ufuna imali yibize ngegama uthi Thixo ndicela imali,” ucebise ngelitshoyo.
Esoleka umsundulu othethe iGift of the Givers uMishkah Samie uthe nangona sikwixesha elibi likabhubhane wekhorona, amanina asemi futhi aqinile.
Ukhuthaze amanina ukuba athathe indawo yawo futhi akholelwe kwizakhona zawo. Uthe kufuneka azazi ukuba mahle, omelele, achubekile etyhontsi azinkokheli.
Ukanti namadoda nawo aye agalela ngezawo iinduku njengo Khapteyini uSakhiwo Dulungana wamapolisa othe abafazi kufuneka badlale indima yabo ekuhlaleni.
Ukhuthaze ukwakhiwa kweekomiti zokuhlala nezezitrato esithi zizakunceda nokunqanda abantwana ukuba benze ubundlobongela.
Ukwakhuthaze ukukwenziwa kwamaqela okudlala nalapho olulutsha kufuneka lugcinwe khona. Kanti yena umfundisi uMawanda Lugongolo ucebise amanina lawo anenyawo ezinodaka, nathe angamaxhoba wodlwengulo nezinye izinto ezimbi ebomini babo mawake ukuchitha ixesha ezisizela. Uthe ubuxhoba babo babube yimfundiso kubanye abantu.