Ihlangane neembila zithutha indoda etyholwa ngokudlwengula ixhegwazana eliminyaka ingama 70 ngexesha abahlali bogobityholo iSiyahlala ePhilippi belibethele oogqirha nezicaka.
Le ndoda nekuthiwa lijoni kuthiwa iqale ngokunkala ngamandla. Kwathi kwakuphela utywala yabuya yakhupha kuvimba ukuba kubuye kugcwaliswe itafile kukutya kwabelungu. Lo dyakalashe kuthiwa uye wathuma umyeni wexhoba eli.
Ngokwabakufutshane, uye washiyeka ezithathela ngenkani apha kumama lo. Umyeni uthe ebuya, wafika sekunuka umswane kucaca mhlophe ukuba bekuxheliwe.Â
Bathi oqalaziwe, uthe utata akujonga inkosikazi wayifumana ikhala phezu kwebhedi sele ichaza iindaba zokudlwengulwa kwayo. Imatshekile, le nkonde iye yahlaba umkhosi ngelokufumana uncedo neengcebiso.Â
Kulapho abahlali bavele khona. Uthi oziboneleyo, abahlali bayiqoqodisile bayisa kwisitrato iAspen kwalapha bezokuyilindisa abakwantsasana. Kodwa phantsi kweziganeko ezininzi zokudlwengulwa nokubulawa kwabantu abangomama, kuye kwavuka umnyele kubantu abaninzi. Kulapho ke baye bayiphathaphatha, bayibamba beyiyeka.
Oziboneleyo ngexesha abahlali ababenomsindo beyibhilabhila, uthi le mayibulele amawayo ngokuthi ayisindise. Uthi isinde cebetshu ngokuthi kufike abakwantsasana.
“Bayibulele amawayo bekufanele ukuba sithetha ngomfi xa kungoku. Abantu badiniwe kukuphathwa kakubi ngamadoda angenangqondo. Umdlwengula njani umama oneminyaka ingama 70 ube ufanele ukumkhusela? Lihlazo elikhulu eli alenzileyo, “ utshilo. Lo utyholwa ngesisenzo kuthiwa unayo inkosikazi kodwa bebesahlala buqelelani ngenxa yempatho mbi yale ndoda. Abahlali nabebemlangazelela nangoku sele ekwinqwelo yezigulane, bafunge bamunca iintupha besithi bafuna ukubulwa nengcambu ukundlavini nobujoliswe kubantwana nomama. ESiyahlala kulapho kutsha nje bekusandula ukudlwengulwa kubulawe intombazanana eminyaka ilishumi elinesixhenxe.
Ilungu lombutho wabahlali uSanco uSibusiso Qwabe ukugxeke ngamandla okukudlwengulwa komntu ondala. Ukhuphe isilumkiso nakuye nabani osacinga ukuba angayenza into enje esithi inja iyakuzalela endlini.
Uthe ngokomthetho wabahlali iye ichithwe indawo yamntu owenze into ekumila kunje kodwa kulena abazukwazi kuphela bazakubuyisa inkosikazi yale ndoda.
Isithethi samapolisa uSajini uNoloyiso Rhwexana ukungqinile ukubethwa kwale ndoda ngabahlali. Uthe iye yabalekiselwa esibhedlele nalapho ichacha kakuhle. Uthe emveni kokuvulelwa ityala izakuvela kwiinkundla zomthetho.