Ngubani othi abantu abanobuntu baphela? Libanakele liyinene elithi ubunye ngamandla ngexesha abanini zitekisi, abaqhubi bazo, abantu abathengisa erenkini yeeteksi kunye noluntu lwaseMkhonto, eNyanga luthe lwafaka izandla ekuncedeni ukwaluswa kwedyongwana ezimbini nekukudala zinqwenela ukwaluka koko zibethwa yimeko emaxongo emva ekhaya.
Umninawa nomkhuluwa bangamadoda xa kungoku nje ngenxa yoncedo elusuke eluntwini.
Ibali labafana babini libali lichukumise uluntu lwase Nyanga ngokubanzi.
Umninawa nogama lingu Siyabulela Dyantyi (29) nowaziwa nanguthathatha ngesiteketiso esinguMlungu, ukhulele erenkini esebenza, njengothunywashe, phofu esenzela ukuba balale betyile ekhayeni lakhe.
UMlungu uhlala nomakhulu wakhe uSina Ntamo kunye nomntakwabo uThabiso ominyaka ingama 33.
Ngenxa yentswelo mali kubenzima kumakhulu ukuba oluse abazukulwane bakhe.
Umakhulu ngokuphelelwa lithemba ubesoloko ebebaxelela yonke imihla ukuba bayakufa bengamakhwenkwe.
Kodwa kuthe ngenxa yembeko nemisebenzi keyenziwa nguMlumngu uluntu lwaqokelela imali lwaze lwamthumela ehlathini.
Lonto ishiye umkhuluwa wakhe eqaqanjelwa yintliziyo, uthe akukhala, oomama baseMkhonto ePhutego Street badibanisa iintloko, bavumelana ukuba makaye naye.
NgomGqibelo esisuka kuyo kuthe kwabhiyozelwa ukubuya kwabo entabeni. Lo mgidi umbumkhulu ngendlela emangalisayo uthabathe impelaveki yonke, kuselwa, kutyiwa kuba kuvuyiswana namadoda amatsha.
NgoMvulo xa iVukani ibityelel ikhaya labo ifike kusebubutyididi abantu bonwabile.
Umakhulu uSina nobefile yimincili ukungqinile ukuba uThixo usebenza emfihlakalweni. “Oko yandikhathaza indaba yabazukulwane bam kangangokuba bayayazi ukuba ibindihlupha. Kodwa bendibaxelela yonke imihla ukuba bawafa bengamakhwenkwe. Kanti uThixo unecebo lakhe alifihle ebantwini, Ndiyababulela abantu bonke abafake isandla,” uxelele iVukani.
Olusapho lakwaDyantyi lusamatshekile yinkxaso elithe layifumana abantwini. Lithe alazi nokuba lingenzani ukubulela abo bathe banceda. Omnye woomama othe waququzelela ukwaluka kukaMlungu, uTumeka Mnono-Gqubushe noshishina eNyanga erenkini, uthe babone ukuba bancede kuba umntu akalahlwa kwaye uMlungu ebeluncedo kakhulu.
Uthe waphatheka kakubi xa uMlungu emana ebaxelela ukuba uyoluka kodwa kungabi njalo. Uthe kunyaka esisuka kuwo, lomfo wafika esisinxadanxada echaka esithi uyangena.
Uthe kodwa ngaminazana ithile wafika sele ebika iindaba ezibuhlungu zokuba amanzi uwachithile kuba inkukhu ibalekile. Umntu ebemthembisile wehle nomcinga.
“Kucaca ukuba wathenjiswe ngumntu othile ukuba uzakumsa entabeni kodwa lomntu wehla nomcinga. Lonto yandinyanzelisa ukuba ndehle ndinyuka ukuya kwiofisi yetekisi edolophini eKapa ndiyozivela ukuba ebethenjiswe ngubani. Ndandibibitheka ngumsindo kuba imbi into yokudlala ngomntwana ngento eloluhlobo. Ndancedwa kukudiba nobawo onguNtsundu nowandinika umkhombandlela. Wathi kum baqokelela iR1 ngeteksi nganye ukuzama ukunceda. Ndantsho ndanovuyo ehla namaxhala kum,” uthethe watsho.
UNkskz Mnono-Gqubushe uthe ukusuka apho wababetha basicabana ukuya kosomashishini abashishina erenkini yaseNyaka ukuyobacela ukuba benze igalelo labo. Nabanye osomashishini bakuvuyela ukuncenda uMlungu wabo kuba eluncedo kubo. “Oosomashishini bakuthakazelela nabo oku babetha imali zabo. Babuya benza igalelo nasekuphumeni kukaMlungu. Sibulelela banoke abantu kuquka nomama baseMkhonto ngokufakelela umkhuluwa kaMlungu,” ubulele ngelitshoyo.
Umama wesitrato iPhuthego uNomabhaso Mphotya uthe kwakulusizi ukubona umkhuluwa kaMlungu edandathekile kuba eshiywe ngumninawa wakhe. Uncome abahlali balendawo ngokubambisana kuba uthi yabangabo ababiza intlanganiso ukuxoxa umba walomfanyana. Uthe kodwa oomama besitrato babonisana ukuba mabathabathel kubo olu xanduva. “Oomama balendalo zingangalala. Babonisana ukuba mabagalele ngento umntu anayo koluswe lomfo. Yayibuhlungu nakubo into yokubona umkhuluwa eshiywa ngumniniwa. Ndithi kubo nangamso,” uthethe watsho.
Ngexesha iVukani ibityelele elikhaya ngoMvulo esiwushiya ngemva, bekusaphithizela abantu begxalethelani ukuza kuvuyisana nesisibini. Kodwa abahlali banqwenele ukuba uThabiso afumane umsebenzi kuba yena waliphumelela ibanga leshumi.