Ziyabethana izimvo ngomhla wothando

SIYAVUYA KHAYA

Umhla we 14 kwi nyanga yoMdumba (February) waziwa kumhlaba jikelele njengosuku lwabantu abathandanayo, kwaye uninzi luthi luzonwabise ngokuthi luthengele izipho abo bathandana nabo.

Ukanti kwabanye abantu olu suku alunantsingiselo, kwaye aluthethinto.

I Vukani ithe makhe ijikeleze kwiindawo ngendawo ukuva izicwangciso kunye nezimvo zoluntu ngolu suku.

UPhakama Zamani uthe yena uzakube ephangele ngalo mhla, nangona elubona olu suku njenge libalulekileyo. Wongeze ngelithi le yimini athi ayisebenzise ekuhlaziyeni uthando lwakhe. Ulebele ngelithi olu suku luthi lufike kanye enyakeni, lonto ithetha ukuba kubalulekile ukuba abeyinxalenye yabo bathi babhiyoze.

“Izicwangciso zam zosuku kukuba ndithengele umlingane wam isipho, kwaye nokuthi ndenze into endingazange ndayenza yokuthi ndimhlambe inyawo,” utshilo.

Yena uThabo Pikane uthe olu suku aluthethi nto kuye kuba yena akayazi intsingiselo yalo, mhlawumbi kuba engumntu owakhulela ezilalini. Wongeze ngelithi akunyanzelekanga ukuba kufike iValentines Day ukuze abonise umama wakwakhe ukuba uyamthanda. Uthe uthando ulubonakalisa mihla nezolo, kwaye owakwakhe uyayazi lonto.

Wongeze ngelithi ukuba ebengamthandi ngeyengahlelanga naye ixesha elide kangaka.

Nangona lungathethi nto kuye olu suku, uMnu Pikane uthe inkosikazi yakhe uyayikhupha baye kwiindawo ezifana ne Waterfront, phofu eyenza lonto kuba ikhangeleka ibalulekile ku nkosikazi wakhe.

“Kwi Valentines Day yonyaka ophelileyo inkosikazi yam yathi masiye kuchitha ixesha eSea Point, nam ke ndenza njalo. Yona eyalonyaka andikayazi ukuba sizakuthini ngayo kuba asikathethi ngayo,” utshilo uMnu Pikane.

U-Mandilakhe September uthe olusuku luthetha lukhulu kuye kuba lusuku athi apotopoze ngalo umlingane wakhe ekwamkhumbuza ukuba uyinto yonke kuye.

Njengoko eza kuba ephangele ngalo mhla, lonto ayimthibazi ekubeni achithe ixesha elikhethekileyo kunye nomlingane, okanye amphathele isipho. “Umnlingane wam uyinto yonke ebomini bam kuba nakwinkqwithelo zobomi ezivunguzayo khange andishiye, lonto ithetha lukhulu kum, kwaye indenza ndizive ndinethamsanqa lokuba ndizibize njengo mntu ongumlingane wam,” utshilo uMnu September.

Yena uSomelele Ngongo uyichaze iValentines Day njengo suku olu balulekileyo kuye. Olu lusuku athi azibandakanye nabemi beli ekubhiyozeni nomlingane wakhe.

UMnu Ngongo uthe uziva buhlungu kulonya kuba olusuku akazulichitha nomlingane wakhe, nathe ukwilali zase Mpuma Koloni. Kodwa uyakufana nje aluchithe nabantakwabo kunye nodade wabo ngokuthi bayokuzonwabisa elwandle. “Olusuku bekumele ukuba nathi bantu abantsundu siluthakazelela ngamandla kuba lisikhuthaza uba abalingane bethu masibabonise ukuba bayathandwa. Kwaye lisikhuthaza ukuba ekuxakekeni kwethu masibenalo usuku esithi simise zonke ingxaki zethu, kodwa sihlaziye uthando lwethu,” utshilo uMnu Ngongo.