Ukhala esimantshiyane umama waseNyanga emva kokuqatywa amafutha inyama engayityanga sisiXeko seKapa.
UFuneka Sonqwelo nongumhlali kwindawo yase Mkhonto, eNyanga ubole bhutyu ngamatyala amanzi.
La matyala aqale phaya kunyaka ka 2007. Ngokwencwadi zesiXeko umama lo akazange aqalise ukubhatala amanzi kamasipala. Kungoku nje utyala ngaphaya kwamaR15 000.
Kodwa umhlola ngowukuba lomama nohlala kwityotyombana ekunzima nokuhamba-hamba phakathi kulo alinampompo yamanzi kunye nendlu yangasese.
Ethetha neliphephandaba umama lo ubonakale ekhathazekile zizityholo zokutyala umasipala. Ephendula kwimibuzo uthe:
“UThixo makehle de ndifumane indlu yesitena kunelityotyombe. Kodwa ngokuza kwenu ndinethemba kuzakulunga. Kunini ndahlala kobubugxwayiba.
Kodwa nina nithunyelwe nguThixo kuzakuphela nelityala lamanzi ndingalaziyo. Oko ndafumana imbalelwano esuka kwisiXeko seKapa kodwa anadinaxhala kuba andinalwazi lwalembudana,” uchazele iVukani.
Kodwa nina nithunyelwe nguThixo kuzakuphela nelityala lamanzi ndingalaziyo. Oko ndafumana imbalelwano esuka kwisiXeko seKapa kodwa anadinaxhala kuba andinalwazi lwalembudana,” uchazele iVukani.
IVukani ifike yazama ukukhangela ukuba nyani umama uSonqwelo akanayo ngenene impompo yamanzi okanye indlu yangasese, yabuya nelize. Lo mama usebenzisa indlu yangasese kawonke wonke ebekwe eyadini yakhe.
Uthi ibayimigudu ukuvuka ebusuku ayekuzinceda phandle. Umnqweno wakhe kukufumana indlu ephucukileyo njengamntu wonke.
“Ndinqwelela ukuhlala esiteneni njengabantu abaninzi. Yintlungu le ndikuyo bantwana bam. Amathontsi xa kunetha akathetheki. Kufuneke ndibeke into phezu kwam. Njengoko nibona indlela ekuxinene ngayo zimpahla kunzima kum kuba neempuku zehla zisenyuka phezu kwam,” uzityande watsho.
Nakuba ehlala yedwa nje, uthe unabo abantwana koko bayazihlalela.
Umntu abasikwe yimfesane ibengumama uNombasa Macingwane nohlala kude kufuphi nomama lo.
UNkosikazi Macingwane uthe wakhalelwa ngumama wasekomitini kulendawo ngesimo sika mama uSonqwelo.
Ngexesha iVukani ikwikhaya likamama, uNkskz Macingwane uthethe wenjenje
“Imbi nyani imeko yalomama. Kubaleka iimpuku endlini. Indlu yakhe iyanetha. Khange ndilale tu emveni kokubona indlela ahlala ngayo.
Kodwa ke owona mhlola ngulo wokubhataliswa amanzi angenawo. Sizama ukulwa lonto ke, ” utshilo.
Kodwa ke owona mhlola ngulo wokubhataliswa amanzi angenawo. Sizama ukulwa lonto ke, ” utshilo.
Sibuzwa ngalentlekele isiXeko sithe lo mama makathobe amaxhala, ityala lakhe lizakucinywa.
Owongamelela kwezaManzi neLindle kwisiXeko, uNkosazana uXanthea Limberg uxelele iVukani ukuba kwenziwe uphando nalapho kufumaniseke ukuba impazamo ingakwicala lesiXeko.
“Sithe xa senza uphando safumanisa okokuba lendawo yayizakuphuhliswa saze sabenzela bonke abantu ke i-akhawunti zamanzi kuba sasicinga kuzabakho iimpompo. Kodwa akuzange kubenjalo lonto ithi ke sizakulocima ityala,” uphendule ngelitshoyo.
Kodwa umama uSonqwelo usenephupha lokufumana indlu.