Uvule ityala umfana

Umakazi wexhoba uThandiswa Moyakhe ucela unthetho udlale indima yawo.

Ivule ityala lokunkulwa ngokungenasisini ngamapolisa indoda yaseBetter Life, ePhilippi. 

UBongile Mayekezo uthi wabethelwa oogqirha nezicaka ngamapolisa emtyhola ngokukhuthuza ngoMvulo weveki ephelileyo, ebethelwa kude kufuphi kowabo. 

Ngalomhla wentlekele elityendyana lithi lalithunywe ngutata walo kwindawo yamadoda ekufuphi ukuba ayomthengela okubandayo. 
Kwathi kanti libhalele ezandleni zotshaba. Uthi wathi akufika kulendawo kwabe kukho namapolisa awayefunisa ngabantu abakhuthuza amadoda eBelhar kumGqibelo ophelileyo. 
Uthi ukufika nje kwakhe omnye wabakhuthuzwa wolatha kuye esithi ngomnye wabakhuthuzi. Kulapho ke ithe yasuka yahlala, utyhola ngelithi amnkula kanobom amapolisa esithi makachaze inyani. 
Uthi wabangazama ukucacisa, yatya kuye imvubu kusithiwa usatyeshile enyanisweni.
“Ndazama ukucacisa ukuba andazi kwaBelhar kwaye kuloMgqibelo bathetha ngawo ndandizihlelele elokishini. Inkcazelo yam yabangela ukuba ndibethwe. Ekubethweni apho ndiye ndophulwa ngumama kuba uye wabizwa. Kodwa naye wafumana ukuthukwa kuba kusithiwa sisdenge akahambi nam xa ebezama ukundikhusela,” uchaze watsho.
UMnumzana Mayekezo utyhilele iVukani umzimba obubhontebhonte yimivumba yemvubu. 
Ngexesha iVukani ityelele kwikhaya lakhe ebekhala ngokungakwazi ukungqiyama nokulala ngomqolo. 
“Kunzima nokuva kakuhle ndiyabona iindlebe zonzakele. Ndifake isimangalo kuba andinatyala. Emveni kwexesha elide ndisehliswa ndinyuswa ndiye ndaya esibhedlele. Ndikhe ndasiwa nakomnye umhlobo wam kwathiwa ndithe umpu ukuye. Kanti ndikhe ndafunwa nezindlu ezithengisa itiki,” utshilo.
Lomfana uthi eyona nto ayifunayo kukuba amapolisa ajongane nomthetho. “Andikhathali nokuba alahlekelwe ngumsebenzi na. Ndonzakele ngaphandle kwesizathu. Ndisalindile ke umcuphi ozakuphatha elityala lam,” uvale ngelitshoyo.
Umakazi wakhe uThandiswa Moyakhe uthi ngomhla wentlekele akazange afune ukumbona unyana kadade wabo kuba wayecinga ubethwe entloko. 
Uthi wathi akubona amapolisa namanye wawo ayefake ibhalaklava waziva engenakumelana nento asenokuyibona. 
“Eyona nto ibalulekiyo kukuba umthetho uthathe indawo yawo. Imbi into amapolisayao ayenzileyo ukubetha engenabungqina,” uthethe watsho. 
Isithethi samapolisa asePhillipi East uKapteni Bheki Xulu ukungqinile ukuba ityala lokubetha livuliwe nguMnu Mayekezo. UKapteni Xulu akafunanga kunaba kakhulu ngokwenzekayo.