Ungcwatywe ngesithozela uDiba

UBrody Cona no Nomonde Mbhele ngabanye bebezimase umngcwabo.

Ibingamakhulu abazili ebebethe ngqwadalala kwiholo iZolani Centre bezekunika imbeko yabo kwigqala lomzabalazo uVuyisile Vincent Diba ngoMgqibelo esisuka kuwo.

UDiba nosutywe kukufa eminyaka engama-59, uchithe iminyaka esibhozo ethothoza kwizisele ezise Robben Island.

Umngcwabo wakhe unikwe iwonga lokuba ngowuburhulumente bephondo nguMongameli uCyril Ramaphosa waze waphelekwa yinkonzo yesipolisa yeliphondo le Ntshona Koloni.

UDiba ube lilungu lebutho elaliswa nocalucalulo elibizwa ngokuba yi The Big Game eyayinamagorha afana no Tony Yengeni, Mxolisi Petani,Norman Yengeni, Ntsikelelo Magwa,Hapi Mgqwashu, Lumka Huna, no Johnny Seutloadi.

Uzelwe ngomhla we 15 ku Septemba ngowe 1959, kwilokishi yase Mau-mau eNyanga East, engowesihlanu kubantwana baka Jackie Mpunzima no Lienna Nongenile Diba.

Ukhe wangusekela sihlalo wephondo wombutho ka Khongolose waze wali lungu lokuqala ukumela lombutho kwikhabinethi yolawulo lweNtshona Koloni xa kwaqalisa umbuso wedemokrasi ngowe 1994.

UDiba nobehlala e NY 5 eGugulethu nosapho lwakhe, uzibandakanye kakhulu nomzabalazo waze wathunyelwa esiqithini apho athothoze iminyaka esibhozo kwelishumi elinanye ayegwetywe yona.

Ukhokhele ikomiti ejongene nemithetho ku Khongolose ephondweni, wasebenza kwikomiti yoxolo nozinzo, waze emva koko wenza izifundo zokhokelo kumazwe afanae ne India kunye ne Denmark apho baqwalasela ukumanyaniswa kwemikhosi yomzabalazo kunye nalowo wawusakuba ngokarhulumente wobandlululo.

Ebutsheni bakhe loka Diba ufumene imfundo esezantsi eJohn Pama Primary School waze wagqithela e Langa High School ngo 1979.

Uphumelele isidanga sakhe ngethuba enkolonkoloza eRobben Island ngowe 1986.

Ngowe 2004 ufumene isidanga sokuxelenga njengontlalontle e Unisa.

Uye emva koko wazixakekisa ngemisebenzi ejongene nentlalonte yabo babe ngamabanjwa epolotike, Usebenze kwinkampani yothutho iMakana Ferries phambi kokuba aqeshwe yi Robben Island Museum njengomhlohli ngembali de wakhathazwa yimpilo ngowe 2017.

UDiba ushiya ngemva inkosikazi yakhe uVirgina Nomthunzi, unyana wakhe uMzabalazo, abantakwabo uVelile no Bonisile, oodade wabo uNoriga, Mambhida no Phumza.

Lala ngoxolo Mgebe, Ndudumba, Sihlobo Sendlovu!