Wagwetywa ndlala! Lawo ngamazwi wabantu ebebelinde into esiwa phantsi kwempumlo kudederhu lweevenkile eMakhaza ngoMgqibelo ophelileyo.
Umakhwekhwetha wegqirha eKhayelitsha uSibusiso Mathe owaziwa ngelokuba ngu Mkhulu Mathe ungene kwelidederhu leevenkile exhobe efe amacala zizipho ezisiwa phantsi kwempumlo.
Kodwa okukutya bekunganikiswa nakubani nje, kodwa kubantu abadala.
UMkhulu Mathe uthe elilizwe lakubuyela kwisimo xa abadala bekhathalelwe kwaye benikwa imbeko ebafaneleyo.
Phambi kokuba anikezele ngamaxamba okutya, uMkhulu Mathe ugxininise ukuba abantu abatsha banoxanduva lokuqinisekisa ukuba bakhathalela abadala ukuze bazakhele ikamva eliqaqambileyo.
Exhobe nangemali nathi ayinike abantu aze enye ayiphose phezulu, uMkhulu Mathe uchaze indlela nenkqubo zakhe nalapho athe useza kuhamba kweli lonke esondla abo bangathathi ntweni.
Uthe ukungaqeshwa kwabantu abaninzi kungunobangela wendlala kwiindawo zabantu abantsundu.
Ukuthaze ulutsha ukuba luqale ngokulungisa amakhaya alo.
“Abantwana batshaya iziyobisi abasakhathali ngabazali babo. Abakhathali ngabantu abadala neenkonde. Ndikwenza oku kuba ndifuna ukubonisa inkathalo kwabo badala. Ndiyabathanda kwaye ndibakhathalele abantu abadla,” utshilo oka Mathe.
Kolutyelelo, uMkhulu Mathe ebekhatshwa ngabasebenzi bakhe kunye nabasasazi be Radio Zibonele FM.
Lomakhwekhwetha wegqirha ukwalumkise abantu ukuba bangafaki iimali zabo kubantu abahamba bezenza yena.Uthe kukho abantu ababe inombolo yakhe kamakhal’ekhukhwini bezenza yena. Xa kukho umntu othi fakani imali kuye ezenza mna, ningakulinge niyenze lonto. Ezizigebenga aziyazi ukuba zidlala ngomkhwinya kulanjwa. Imini yazi inye, ziyakuwukhomba umzi oniontywala,” ulumkise ngelitshoyo.
Inkosikazi ezihlalelayo umama uNomkhosi Mbele uncome indlela abantu abadala abaphethwe ngayo.
UNkosikazi Mbele uthe yinto efane yenzeke ukunikiswa kokutya kwabo badala baphila ngendodla.
“Ngumntu wokuqala ukukwenza into ekumila kunje. Lomntu endaweni yokunyanga abantu ngamachiza, ubanyanga nangento esiya phantsi kwempumlo. Makwande apho athatha khona,” utshilo okaMbele.
Othe waxhamla utata uThembekile Xoki ominyaka anga 72 akawuvalanga umlomo ngakwenzelweyo. Uthe uzive ebalulekile kuba ezakufika abeke into phezu kwetafile.
Elikhehla lithe kulenyanga kubanzima kakhulu kuba kususwa kwiinyanga nalapho abantu bachitha iimali ezininzi. Uvale ngelithi inga kunganda apho athatha khona umncedi wabo uMkhulu Mathe.