Umbhali akaziva ngothando lolwimi lwakhe

Umpapashi weLesedi House Publishers uTsepo Nketle kunye nababhali uPamela Mhlongo no Bukiwe Matwa.

Ndingu Bukiwe Matwa intombi yaseQumra phantsi kwedolophu iMount Frere.

Ndikhulele eQumra ndenza amabanga am aphantsi kwisikolo Qumra JSS.

Ndize ndazogqibezela amabanga am aphezulu apha eKapa kwisikolo Simanyene High School.

Bendisithanda kakhulu isiXhosa lonto ibindenza ndikhuthale ukufunda nencwadi zesiXhosa esikolweni.

Ekukhuleni kwam bendinqwenela ukuba yintatheli ndifunde indaba zesiXhosa kodwa khange kwenzeke ngoko mnqweno wam ndabona ukuba ndibhale mandibhale incwadi zamabali ukubalisa ngezinto ezenzekayo nezinto esithi sigqithe kuzo xa sikhula.

Abanye abantu babendigxeka kuba isiXhosa sam kuba isiXhosa sam asosiXhosa ncam abanondiva abantu abanzi kodwa lonto ayizange indityhafise kuba ndandisazi ukuba xa umntu engumbhali incwadi yakhe iqale iphononongwe ngaphambi kokuba ifikelele ebantwini abaninzi.

Incwadi zam besele ndizibhalile bezintathu kodwa ndibonile ukuba eyona ncwadi emandiqale ndiyikhuphe yile ithi ‘Umthathi Uyawuzala Umlotha’ ndisebenzise iqhalo elisetyenziswa esiXhoseni, kuba ndinethemba lokuba abantu bazakuthi babenomdla kulencwadi.

Abanye abazali baxakene nabantwana babo ngoba abazali bazama ukuqeqesha abantwana kodwa bona baphume endleleni. Kuphinde kubekhona nabazali abakhuthaza abantwana babantu abaphuma endleleni ngenjongo zokuvisa kabuhlungu omnye umzali ntoleyo eye ibangele impixano phakathi kwabazali kufumaniseke ukuba abanye abazali bajongana ngezikhondo zamehlo ngenxa yokuba abanye abazali basebenzisa thina singabantwana ukulwa impi yabo.

Lencwadi yam iyafundisa ebantwini abadala kunye nakuthi singabantwana ngoba kubakhona ukuzisola ekugqibeleni kwizinto esizenzayo.

Umdla wam ngokubhala kukuba ndigqithisa umyalezo ebantwini

Kuba ezinye izinto ziyezingathathelwa ngqalelo kodwa zibe zimosha ihlabathi liphela ingakumbi kuthi silulutsha. Kanti xa ungumntu funeka wenze into ngobulumko ukuze ungabina kuzisola ekugqibeleni.

Incwadi lena isaqhubeka izokulandela eyesibini Umthathi Uyawuzala Umlotha

Lencwadi iphehlelelwe ngoMgqibelo kumsitho obubanjelwe eStrand, ungazifumanela ikopi yakho ngokuthi ufonele umpapashi we Lesedi House Publisher uTsepo Nketle kwinombolo engu 0737076881.