Minyaka le, ngomhla wama 21 kwinyanga yoMdumba ihlabathi jikelel lihlala ligunyazisa ukuhlonitshwa kwanokubhiyozelwa kweelwimi zenkobe kumazwe ngamazwe.
Nakulonyaka ke akukho mehluko. Amacandelo amaninzi woburhulumente nemibutho ezimeleyo ayidanisanga ukubhiyozela ulwimi lwenkobe. Kuhambisana nokuthwesa izidanga ngumbutho ozimeleyo iTshintsha ma-Afrika, inkosazana, nkokheli yokuhlala, igqirhakazi kunye uThembisa Skaap nowaziwa ngelikaMadlamini ubongoze abantu ukuba baxabise kwaye bakhathalele ilwimi zabo.
Uthe kuyaxhalabisa ukubona indlela abantu abathi baxabise iilwimi zabanye abantu ukudlula elabo. Ezibiza ngenkosazana yoklwazi olufihlakeleyo, uMadlamini uthe kuyamangaza ukubona amakhaya amamnyama ethetha ulwimi lwezinye iintlanga emakhayeni abo.
“Andiyazi ukuba sinyanzeliswa yintoni ukugiba ulwimi. Ukuzingca ngoklwimi lwakho yinto ebalulekileyo kakhulu. Oko kuchaza imvelaphi yakho nobuntu bakho. Andinalo nalinye igama lezingesi endilaziyo kodwa ndiyakhikela,” utshilo kodwa ekhangeleka ngathi uyaphoxisa.
Kodwa iuMadlamini akakukhabanga ukuba umntu abeneelwimini abantu abazifundayo kodwa esithi umntu makazidle ngolwakhe ulwimi. Uthe ukuhlonipha ulwimi lwenkobe kwenza ukuba abantu batsho bakwazi nokubhiyozela inckubeko namasiko abo ngaphandle kokuyika.
“Kubalulekile ukuzixabisa nokuzihlonipha. Xa sithetha iilwimi zetghu siyazihlonipha, sihlonipha ubuntu bethu nemvelaphi yethu. Mna ndikligqirha ndikwahamba nenkonzo kodwa andilutshikilelanga ulwimi lwam,” utshilo.
Ukuncomile ukubhiyozlwe kwelwimi lwenkobe esithi kukhuthaza nabo bacinga ukuba ilwimi zabo aziphucukanga kwazabanye. Omnye wabahlali ePhillippi uDuma Dlangamandla uthe kuyachukumisa ukubona abantu beqala ukuzama ukuthetha ulwimi lwabo ngolu suku lolwimi lwenkobe.
Uthe bekungafanele nokuba yinto abantu abakhunjuzwa ngayo ukutghanda ulwimi lwabo.
“Kutheni kufuneka kude kubekho usuku olufana nolu ukuze abantu bazazi ukuba banolwimi lwabo. Sifanele sizingce futhi sisidle ngolwimi lwethu oko. Abelungu abakhunjuzwa ngolwimi labo kodwa thina silinda iimini ezikumila kunje. Kodwa manditsho ukuba ziluncedo ukuvuselela izazela ezifileyo,” uthethe watsho.
Olusuku lokubhiyozela ulwimi lwenkobe lenzelwe ukuzama ukunika imbeko nentlonipho efanelekileyo kwizizwe ezithetha iilwimi ezahlukileyo. Oku kwenziwe ngeenjongo zokuba elowo nalowo azibandakanye kwinkcubeko nakulwimi lomnye.