Ulutsha luncedisana namapolisa ekulweni ubukoli

UKhonstabhili Nomapha Homane ezama ngako anako ukucacisela ulutsha lwaseLotus Park malunga nolwaphulo mthetho.
Ulutsha lwaseGugulethu luthe kuyamangaza kwelixesha siphila kulo ukuba kusekho amakhosikazi axhatshazwayo futhi acinezelwe ngamaqabane awo. 

Olu lutsha nolusebenza kwisikhululo samapolisa aseGugulethu kwitafile ejongene nemiba yentsha luphume ngobuninzi ngoLwesihlanu esisuka kuwo lisiya kufundisa uluntu ngamalungelo abo. 

Badibene eLotus Park neyaziwa kakhulu ngobundlobongela nolwaphulomthetho baza baqalisa iphulo labo. 

Olu lutsha nobeluhamba nampolisa kunye nombutho olwelwa amalungelo omama nabantwana iLitha Labantu, lithe kwanele ngokuxhatshazwa kwabafazi nabantwana.

Baxhobise abahlali besithi beluleutsha bafuna kuphandwe izehlo zobugewu.

Le ndibano nalapho ulutsha lubonakalise ukuzithemba ekulweni ubundlobongela inconywe kakhulu nagabahlali nje ngebeyimpumelelo. Bakugxininisile ukuba ayikho indawo yezidlwengu nababulali kwindawo yabo.

Unkosikazi Mongikazi Bandla ubachaze okwamatshantliziyo esithi kufuneka bathi gqolo behambise ulwazi. 

“Basishiye sinolwazi olungaphaya kokuqonda,” uncome watsho.