Kukhuthazwe ukufund’ uncwadi

Omnye wabafundi abathathe inkxaxheba kufundo ncwadi.

Baphenjelelwe ekubeni babe ngabathanda iincwadi zabo kunye nesikolo abafundi ngomhla wokubhiyozela uncwadi ehlabathini jikelele nobu banjelwe kwithala elise Khayelitsha. 

Elithala lithe labamba ukhuphiswano lokufunda phakathi kwezikolo ezisibhozo zaseKhayelitsha. 

Lithe lomhla kufanelekile ukuba ubhiyozelwe, kukhuthazwe ulutsha ukuba lufunde. Ezi zikolo zithe zaqubisana phezulu kutshiswana ngencwadi yesiXhosa neyesi Ngesi.

Ulutsha nolukubamabanga aphantsi lubonakalise ukuzithemba nomdla ekufundeni. 

Nangona bezikhona iziphene malunga nezingxi,neziphumlisi ingakumbi xa kufundwa isiXhosa, kodwa ababafundi benze unakonako wokubonakalisa uthando lwenkcubeko yabo.

Emva kwalomcimbi naphambi kokuba kunikezwe amabhaso kwabo bathe bagqwesa, ababhali naba beyinkxalenye yalomsitho bancome elithala ngokubamba umcimbi ololuhlobo bekwancoma umsebenzi omhle owenziwa ngabafundisintsapho ezikolweni. 

Ophethe amathala kamasipala eKhayelitsha uAyanda Rhawutini ubongeze abantwana ukuba bangadlali ngesikolo. 

Ubancomile kodwa esithi indlela eya empumelelweni ayilula wazi kuye. Uthe ze banyamezele nokuba  kuvela isilingo esitheni na. 

“Ootitshala benu bahlonipheni kuba bayinto enkulu kakhulu. 

Igalelo labo kwelilizwe nakwamanye alibabazeki. Kunzima ukuchaza indima abathi bayidlale kodwa babaluleke kakhulu. Kufuneka sibabulele ngenkathalo nangendima abathi bayidlale kubomi bethu. Ngelilonke ke fundani ukuze niphumelele ebomini. Nathi sivela kuhlala kwezozitulo sesime apha nje nemhlanje,” utshilo.

Ukwancome ithala lencwadi laseSite B esithi kufuneke lithi gqolo ukukhathaza ukufunda kubantwana abantsundu. 

Uphinde wakhuthaza ootitshala ukuba baqhebeke befaka ifuthe kweliphulo.

Ukanti uPhakama Matoti  nosebenzela ithala laseKapa nelilona likhulu ukhuthaze lamaqela abantwana ukuba bazenzele amaqela okufunda. Uthe belelithala laseKapa bayakwazi ukunikisa ngeencwadi simahla kulomaqela. 

“Siyanikhuthaza ukuba nikuthathele ingqalelo ukufunda ingakumbi ngolwimi lwenu. Siye sithi ke abantu mabafundele ukuzonwabisa. Sikhuthaza ukuba umntu afunde lento izakumenza abenomdla ekufundeni. Ukanti ootishala sibakhuthaza ukuba xa kutsho ababhonyongo bahluphayo kubanye abantwana, babanike incwadi ukuze bafunde. Ukufunda iincwadi kuyabathobalalisa,” uthethe watsho.

Othethela ithala uVuyo Njambathwa-Rani uthe qho ngomhla wokubhiyozelwa uncwadi kumhlaba wonke bathembisa ukukwenza olukhuphiswano. 

Uthe baqaphela ukuba abantwana abaninzi banomdla ekufundeni kodwa amaxesha amaninzi kubanzma ukuba beme phambi kwabantu. Uthe iinjongo kukuqinisa abantwana ukuba beme emaqongeni ngaphandle kokoyika. 

“Siyazingca ngobanatwana ingakumbi abo bakwizikolo zaselokishini nabafunda basedolophini. Silithala ngumsebenzi wethu ukukhuthaza isikolo kubantwana belizwe lethu. Asiqali ke namhlanje ukukwenza lomsebenzi. 

Iinjongo ke kukuqhubekeka sisenza olukhuphiswano. Sikwamema abantu ukuba babeyinkxalenye yelithala ngokuthi sibenzela amakhadi alapha. Siyayazi ukuba xa abazali bathe bayinkxalenye yalapha, bazakukhuthaza nabantwana babo ukuba bafunde,” ucacise njalo uNkskz Njambathwa-Rani.

Ekugqibeleni kuphume phambili isikolo iKukhanyile kulwimi lwesiNgesi yaze iYomelela yaphuma emagqabini kulwimi lwesintu isiXhosa. 

Abantwana bathe kuluchulumanco ukuba yinkxalenye yolukhuphiswano. Bathe bazakukhuthaza oogxa babo ukuba bangenele nabo xa luphinde lwabuya.