Ndifuna ukuthabatha eli thuba,ndibulele abantu baseMzantsi Afrika ngothando nenkxaso abathe bayibonakalisa ngexesha ndikwikukho lokufa kwilizwe lasemzini.
Bendingazi ukuba bandithanda kangaka”.
Lawo ngamazwi egugu neqhayiya, nomakhwekhwetha negqala kumculo wesiNtu uMadosini Latozi Mpahleni ngexesha esenza umbulelo ongazenzisiyo kubantu boMzantsi Afrika neAfrika iphela ngenkxaso yabo.
Ebebonakala epholile, emana ukuhleka, ngethuba iVukani ityelel ekhayeni lakhe kwaLanga.
Esi sisele senyathi sithi yabangumnqa into yokugula kwaso.
Uthi njengomntu omdala nokhathazwa sisifuba, kwakufanele edlale kwiindawo ezintathu eFrance.
Uthi uhambile ke kweli loMzantsi nomhlobo wakhe asebenza naye Pedro Espi-Sanchis.
Kodwa phambi kokuba ahambe uye waqokelela amachiza wakhe wesifuba kuba wayezakuba kude ekhaya okwexeshana.
Ezolile ngethuba ebalisa ngohambo lwakhe noluthe lwanika umdla kuba lalineziphithiphithi zokungazi ukuba uzakuhlawulelwa ngubani kwizibhedlele zaseFrance, uthe kwabangumnqa kuye ukuzibona evuka phantsi kwamalakana amhlophe engqongwe ngoogqirha abakarajiweyo bodwa.
“Ndothuka kugcwele ubuxhakaxhaka bomatshini abanye bebotshelelwe kum.
“Ndakhala, ndakhala ndibuza ukuba ndiphi, kutheni ndinje, kwenzeke ntoni. Umnqa ke ngoku yayingowokuba eliqaba alinasikolo kuthethwa ulwimi endingaliviyo. Kum yonke into yayingu-bonjour kuba ndandisiva kusitshiwo amaxesha amaninzi,” ubalise watsho kodwa encumile.
Eyona nto ayikhumbulileyo ngokugula kwakhe kukuba, badlala kwindawo ababefanele ukudala kuyo. Futhi badlala badlulisa nangexesha ebabelinikwe kuba abantu bafuna impinda.
Uthi kusuku lwesibini wathi xa behamba ukuya kudlala kwindawo yesibini weva into emnyukayo.
Kuba ezazi engumntu wesifuba wathabatha inqawa yakhe, wathi ukutsala kanti utsho ecaleni.
Uthi uPedro wamzamela uncedo. Uthi iphindile lento yamnyuka esendlwini yangasese kanti iye yaqatsela. Kulapho athe wayovuka esibhedlele. Kodwa ke ngoku ungumqabaqaba ngaphandle nje kwelizwi elitshileyo nokungacaceli kutya.
“Ngalemini ndibuya ngayo kweyoMnga ngeCawe usuku lokuqala, andizange ndiwubone umhlola owawukwisikhululo senqwelo-moya. Abantu ababelapho. Ndavakala ndizibuza ukuba kanti Thixo mna ndingubani?
Kwakugcwele abantu beentlanga zonke. Icawe yam iBhaptizi yayiye ngeekhombi zade zambini.
Ndiyababulela abantu beli namanye amazwe ngenkxaso engaka. Ndiyabulela kubantu baseFrance ngempatho yabo nangona besingavani ngentetha nje. Bandizamile,” uchaze watsho.
Wenze nombulelo omkhulu kurhulumente weMzantsi Afrika ngenkxaso. “Ndizibonile ukuba ndiyathandwa. Futhi ndifundile ukuba ubudenge abuqaqambi. Ngoku ndiyaphila ndonwabile. Urhulumente waye wandithumelela oonesi abathe babuya nam. Ndafika kwinqwelo-moya kukho amayeza nobuxhakaxhaka obulungiselewe mna, Ndibamba ngazo zozibini nakuRhulumente,” utshilo.
Akukacaci ukuba uzakudlala nini kude kubuye nelizwi nangona yena engxamile. Kodwa ngokwakhe uthi ukulungele ukubuyela eqongeni kungekudala.