Ibiyimincili kwisikolo samabanga aphantsi iChuma ephaya eTown Two ngexesha abantwana befumana impahla yesikolo kumdlali webhola yomnyazi.
Malunga namashumi amathandathu anesithathu sabantwana abangamaxhoba omlilo wakoo-SST bathe banikwa iyunifom yinzalelwane yase Town Two nengumdlali weqela lesizwe lomdlalo womnyazi uPhumza Maweni.
Lomdlali nosele edlala kumazwe aphesheya uthi wathi wakuva ngesihelegu somlilo esatshisa amatyotyombe abantu akakwazi ukusonga izandla angenzi nto.
Uthi njengomhlali waseTown Two nozinze ngaphesheya waye waqhamkashelana nosapho lwakhe ukuqonda ukuba angenza ntoni na.
Olufafa lude lwaseTown Two lithe lakubona kumaphephandaba nakoomabona kude ukuba abantu benza igalelo, lacinga nangabantwana abathe batshelwa ziyunifom zabo.
“Ndaye ndahlala ke nosapho lwam ukuva ukuba ndingenza ntoni na. Sangqinelana ukuba mandithenge izinto zesikolo.
Kaloku umntu ngumntu ngabantu. Nam ngoku bendisakhasa kumdlalo wam, ndandingena kwimizi ngemizi ndicela uncedo. Ngoku ke lixesha lokuba ndibuyise kubantu bakuthi,” uxelele iVukani.
Ubulele isikolo ngokumvumela ukuba anikise ngeempahla zesikolo. Uthe akusiso nasiphi isikolo esinokuvumela enze oku akwenzileyo. Ukwancome isikolo ngegalelo saso kubantu baseTown Two nakwindawo ezisingqongileyo.
Ababazali nababechulumancile bamnqwenelele okuhle lomdlali besithi inga kunganda apho athata khona. Bathe lo mlilo wabafumana ngexesha elibi nalapho kuyiwa ekupheleni konyaka. Bathe kungoku nje abanaxhala lokuthenga izinto zesikolo kunyaka ozayo. Bathe ubunzima abahlangabeze nabo ngexesha lomlilo bebungaphaya kwamandla abo.
Umama uNokwanda Marhafana nonabantwana ababini abathe baxhamla kulenyhweba ubambe ngazo zozibini.
“Ingxaki ebendihlangabezene nayo ibingaphaya kwamandla Abantwana nabangaxhoma omlilo kunye enabazali babo bathe bafumana iiyunifom kumdlali webhola yomnyazi nozinze ngaphesheya uPhumza Maweni.
Kodwa eyona ingxaki inkulu yeyabantwana abebengafuni tu ukuya esikolweni kuba bengana tyunikhi.
Xa kungoku iingxaki zesikolo zisusiwe. Andinaxhala lokuba ndizakuthini xa kuvulwa izikolo kunyaka ozayo,” utshilo.
Ebulela le nzwakazi uthe oku ithe yakwenza inga ingakwenza nakwabanye abantu abasengxakini. “Usenze abantu lomntwana. Kuyacaca ukhulela kwikhaya elinengqeqesho nelinobubele.
Bambalwa abantu abanokwenza oku akwenzileyo. Ndivuye kakhulu futhi nabanye abazali bavuyile,” utshilo.