Ngexesha apho amasiko nezithethe zakwantu zikhangeleka zingahoywanga nalapho amakrwala adume ngokuninzi okungalunganga, ukubulala, ukudlwengula, impatho-mbi yabafazi nabantwana, umhlali welokishi endala eKapa uLanga uneengcinga ezimbi ngamakrwala. Umbutho wabatsha iQula Kwedini iqale iphulo lokunyuk’intaba namakrwala kwiphondo leNtshonakoloni. Umsunguli wayo uSisa Nobanda uthe unobangela woku kukufundisa amakrwala indlela yokuziphatha nokwakha izimilo kabutsha.
UMnumzana Nobanda useke lo mbutho wolutsha obizwa Qula Kwedini kuba ezama ukuphuhlisa izimilo zamadoda nabantu abatsha. Injongo yombutho wakhe kukuthatha apho uninzi lwabantu lusilele khona ukuxhobisa abantu abatsha ingakumbi amakrwala. Sithetha nje ukwiphulo lukuthatha amakrwala banyuke intaba namaxethuka kodwa iinjongo ikukwakhana. Enye yezinto eziphambili kukuzama ukuxhobisa amakrwala ngobomi obuzayo nokukhula ade abeziintsika zamakhaya abo.
Isizathu sokuthabatha amakrwala ngeli xesha kukuba uthi amakrwala asathobekile futhi asakuthambele ukumamela. “Ndiwubiza iQula Kwedini lo mbutho kuba ukuqula kuthetha izinto ezininzi. Uyaqula kuba ulungiselela umlo. Uyaqula kuba ulungiselela ikamva elihle nokutshintsha kwinto ubukuyo. Kanti uyaqula kuba uzixhobisa ngezinto ezininzi. Ndibenalombono kuba asiniki ngqalelo iimeko zamakrwala. Asiniki ngqalelo ukutshintsha kwenkwnkwe isiya ebudodeni. Siphelele ekugxininiseni zinto zamasiko nezithethe kuphela kanti zininzi izinto ebekufanela ababantu batsha bayazifumana. Lonto yenza amakrwala aphoswe zizinto ezininzi ebomini,” uchaze ngelitshoyo.
Ukwathe eyenye yezinto engunobangela wokuba afune amakrwala kukuba uninzi lwawo ahlale nomama, nodadobawo ukanti amanye noomakazi nalapho kungekho umntu ungutata. Unethembe lokuba inkululeko izakufumaneka xa athe wafumana amakrwala baze banyuke amxethuka nalapho kuzakufundiswano ngobudoda namakwakwenze ukuze ikamva lawo liqhakaze. Uthi iimeko ingathi kufuneka zibuyele kundalashe apho ukubulawa kwabantu, ukudlwengulwa nezinye kwakuyinto enqabileyo.Ezityanda igila ekwazidla ngalombutho wakhe, uthe njengoko isiko lokwaluko liyinto ehloniphekileyo, kodwa kuninzi okungenziwa ngendlela ngamadoda ingakumbi lawo matsha. “Andiyongcungela yolwazi lwezinto zonke, kodwa kukho okuninzi endinikwenza kwikamva lomntu othe wamamela. Okukunyuka intaba kwethu luvavanyo lokuba ubani uqine kangakanani na ngokomzimba nengqondo. Ndifuna umntu asuke kwisiqhelo samasiko nezithethe ukuya ebudodeni, kungabanjwa umzimba kuba umntu esithi uyindoda. Ndifuna kuthethwe poqo, kungafihlwa nto. Kulapho sizakuthetha ngokuxhatshazwa kwabafazi nabantwana, sithetha ngokumithisa, nangokucwangcisa ukuze siyeke ukumithisa abafazi abaninzi. Amadoda akayazi ukuba nawo kufuneka ecwangcisile. Lonto ayenza indima yoomama kuphela. Ukanti akunjalo. Undoqo kukuthetha ngokusuka ebukhwenkweni ukuya ebudodeni,” utshilo.
Uthi ukuba uluntu lungafundisa amakrwala ngendlela afundisa ngayo oonyana babo ngeziduko, kuninzi okunolunga. “Xa ukwazi ukuthi lento ayenziwa apha emaQwathini, uthi umQwathi akalenzi inyala, utsho kuvakale. Kungalula ke nokufundisa amakrwala kuthiwa, indoda ayilenzi inyala, ayidlwenguli, ayihambi imithisa nezinye izinto ezimasikizi,” utshilo.
Elinene lakwaLanga lithi lijonge ukubiza imbizo enkulu nezokuquka amakhwenkwe asexabisweni lokwaluka ukuze kuthethwe ngezinto ezininzi ezidla umzi.