Ndityiwe yinja, ndabethwa

Tandokazi Mankayi, Kuyasa

Molweni kwiphepha la bahlali. Ndicele uncedo kuni kuba ema poliseni andilufumani.

Ndatyiwa yinja ngomhla we-9 ku June, inditya ndime ngase gaytin yakowayo. Yavela yaveza intloko yandiluma. Ndaya ngengomso kubanini niyo zange bandihoye basuka bathi zendizothatha iR30 yokuya ekliniki. Zange babuyele kum bazondijonga ukuba ndinjani. Nakulendlu akukhonto ethi lumkela inja into bayenzayo basuke batshintsha lagate bafakela engabonisiyo ngaphandle.

KuMgqibelo ophelileyo ndidibene nomfana welakhaya suka weza kum wayigalela impama kum esithi ndingaphinde ndithi lunywe yinja yakowabo.

Utata walo mfana ucele ukundibona ndathi mna asoze ndilibeke endlini yakhe wathi yena useza kundibetha unyanakhe.Yhoo ndibuhlungu andinayo ifemeli elapha eKapa yilonto bendenza lento.