Maskhandi Festival

Emva kokuqaphela ukungaselwa so komculo wo Maskhandi ngabaququzeleli beminyhadala ingakumbi kumasipala ombaxa wesiXeko seKapa nangonanje kukho intlaninge yabalandeli boluhlobo lomculo, ijelo losasazo i-Zibonele fm iye yathathela kuyo uxanduva lokuphuhlisalomculo ,yaseka i-Maskhandi Arts & Culture Festivals nethe yaba ngundabamlonyeni kweleentlanzi.

Kungokunje inomyhadala woMasikhandi obanjwa nyaka-nanyaka nonjongo yawo ukukuchulumancela nokulondoloza inkcubeko yamaAfrika ndawonye nokuphuhlisa ilwimi zeMveli phof’kugqanyiswa ookracaza betalente.

Eli phulo lisungulwe ngo2016 kwaye uhlobo elamkelwe ngalo libangele ukuba esi sikhululo siqiniseke nangakumbi ukuba umnyhadala usingathwe iminyaka le nangonanje kungekho nkxaso-mali yokusigcina esi sibane sivutha.

Le minyhadala idibanisa,itsalela ndawonye abahlali,amashishinib asakhasayo,ulutsha,amanina,imibutho yabahlali,amaziko ezosasazo kwakunye nabatyeleli abaphuma mbombo zone zesiXeko seKapa minyaka le besiza kubhiyozela ubuncwane balommandla kwakunye nokwahluka-hlukana kweenkcubeko nemveli, ndawonye nokubonisa

imveliso zosomashishini basekuhlaleni. Oku kuba negalelo nasekukhuthazeni ubumban kwintlalo yoluntu nophuhliso lwezoqoqosho lwendawo esingathe lo mnyhadala kwakunye nezo zingqongileyo kananjalo unika abantu baseKhayelitsha neziphaluka ithuba lokufuthelana kugcotyiwe.

Umculo woMaskhandi ukhula ngendlela emangalisayo kwilokishi zabaNtsundu ezifana neKhayelitsha neziphaluka kwaye oku kungqinwa nayintatho-nkxaxheba yabaphula-phuli kwiinkqubo ezintathu zeZibonele fm; Ezakuthi Iingoma, Siguguth’unxweme ne-Isisele Solwazi. Ezi zezona mbalasane zeenkqubo apho udlalwa khona lo mculo nalapho umbexeshi wenkqubo iSiguguth’unxweme othe waphumelela imbasa yeSATMA ngo2017 lo gama ezinye zaya kukroba kumagqibela-kankqoyi eeNational Community Radio Week Awards 2018 (NCRW).

Lo mbono utsale umdla kwiindumasi zeemvumi zelizwe loMzantsi Afrika ezifana neNkunz’emdaka,uThokozani Langa,Phuzekhemisi,Shushubaby nabanye!

I Zibonele FM Arts & Culture Festival yalo nyaka izakubanjwa ngomhla wesithathu kweyeNkanga (03 Nov) kwibala lebhola yombhoxo laseKhayelitsha kwaye amatikiti ayafumaneka eComputicket, Silulo Ulutho Technologies, Goal Supermarket, Pick ‘* Pay

(Nonkqubela Link) naseKhayelitsha Spar.

Ezinye zeemvumi ezizakube zidyusha, zitshintshiselana ngeqonga nguPhuzekhemisi, uShushubaby, Inkunzi Magunyana, Ithwasa LeKhansela, Ichwane leBhaca, Bahupe, Philabadane, uPhantsukwenzakala, uPhephalendaba, i-Identsist laseXhoseni, Umphathi wohlelo noMvumeni kaJima!!!. Kulo nyaka kwiZibonele fm Masikhandi Fesival sithi ‘’Bambelela siyajika!!!’’. Amangeno yi-R120 ze kwicandelo leengcungcu ibe yi-R200 kananjalo kuhlatyw’ikhwelo kubathengisi basesitalatweni ukuba banxibelela e neZibonele Fm malunga nendawo yokushishina kulo myhadala.

I-Zibonele FM ibongoza urhulumente, oozimele-geqe bemibutho, imibutho yezenkcubeko nezenkolo ukuba iwuxhase kangangoko lo mnyhadala khon’ukuze ube nokuqhubeka minyaka le! Ukususela ukuqala kwayo iMaskhandi Festival soloko ixhaswa ngooSomashishini basekuhlaleni kwaye okudakum bisayo kokokuba zonke iinkquleqhu zokukhweba amasebe kaRhulumente asondeleyo kwimi cimbi ekumila kunje zisuke zaxel’izithukuthuku zenja zona ziphelel’eboyeni!!

Ngeenkcukacha! Ungatsalela umnxeba uNkosazana Shete ku-021 361 7109/084 626 7910

okanye uMnumzana Zweli Nokhatywa ku-084 626 7914