Lumkani

Welisa Kwabe,Khayelitsha

Lumkani bahlali! Ndithe ndikobude ubuthongo ndothuswa sisithandwa sam sixhuma sibuza ungubani ufuna ntoni?

Ndothuke ndisoyika kodwa ndayakukroba efestileni. Ndifumanise ukuba kukho intombi ezenza ingathi izimele.Ubhutiza uyikhwazile ebuza ukuba ifuna ntoni.

Uthe xa ezama ukuyinceda kwangena amadoda axhobileyo ekucaca ukuba ahamba kwa nalosisi.

Kube sekufika ibhaki yaqokelela impahla yethu logama bezikhelela kwisithandwa sam ngokusibetha.

Bethuna sanukuvulela mntu ebusuku, amasela abhokile enza imali kaDisemba. Le ntombi ayihambi yodwa koko yila genge ibikhe yenza lomkhuba eGugulethu.