Kutshintshwa izimilo zamakhwenkwana

U Olwethu Mduma ongumseki wombutho iSiza Umfana kunye no Abongile Sali ongumdlali kamabonakude.

Ubudlobongela kunye neqondo lokudlwengula kwabantu basetyhini luphezulu kwaye luyaxhalabisa. Lo ngomnye wemiba ibi tshisa ibunzi ngethuba umbutho wesisa owaziwa ngelokuba yi Siza Umfana ububambe intlanganiso yokuxhobisa amakhwenkwe asematsha ngendlela zokuziphatha.

Lo mbutho usekwe kulonyaka ngu Nkosazana Olwethu Mduma ngeenjongo zokuguqula ingcamango zamakhwenkwe ngokupha thelene nokuziphatha.

UNkszn Mduma uthi uqwalasele ukuba mininzi imibutho ekhoyo ekuhlaleni ntonje ijongene nokuphuhlisa amantombazana.

“Ithande ukunqongophala imi butho enjongo zawo ikukuphuhlisa amakhwenkwe ngolwazi kunye nendlela zokuziphatha,” uhambisa atsho oka Mduma.

Uthe ubona ingathi akukho maphulo kunye neenkqubo ezijoliswe amakhwenkweni.

Wongeze ngelithi kula maxesha siphila kuwo ubudlobongela kunye nokudlwengula benziwa ngabantu abangabafana yiyo lonto ebone kubalulekile ke ngoku ukuba ayile lombutho ojongene nawo ngokuthe ngqo. Lentwazana yakwa Mduma ineminyaka engama-27 kuphela ijonge phambili ekwenzeni igalelo ekuhlaleni. Kulombutho baye bafundisa amakhwenkwe ngotshintsho olwenzeka emizimbeni yawo xa efikisa ebuntwini obudala. UMduma uthe ngethuba eseka lombutho uqale enabantwana abambalwa kodwa ngoku inani labo landile . Uthi lamakhwenkwe aziva ekhululekile kakhulu kwaye athetha phandle ngezinto ezenzeka kwemizimba yabo kunye nezinto ezidebene nokuthandana.

Ukanti ukwathe nabazali kubalulekile ukuba bathethe phandle nabantwana babo abanga makhwenkwe ukwenzela bakwazi ukuthetha izinto ezenzeka emizinjeni yawo.

“Ixesha esiphila kulo alifani nelakuqala apho xa kuthethwa ngezinto ezidibene nokuthandana bezibonwa ukuba ngamanyala,” utshilo uMduma.

Uhlabe ikhwelo kootata kunye nabafana bazame ukufuthelana namakhwenkwna ngolwazi ukuze bakhule bechubekile kwaye bayazi ukuba kulindeleke ntoni kumntwana oyinkwenkwe.

Ukwathe kubalulekile ukuba bafundiswe nendlela yokuthetha nabantu basetyhini. Ugxininise ngelithi ukubetha nokuxhaphaza abantu basetyhini yinto leyo engavumelekanga kwaye kufuneka lonto bayazi besakhula.

Ubongoze otata kunye nolutsha ukuba mabachasane nemikhwa yokubetha abantu basetyhini. “Injongo zalombutho kukwakha isizwe apho abantu basetyhini bekhululekileyo.

“Abantu basetyhini kule mihla sikuyo boyika nokuhamba ngorhatya kuba bangazibaqa bengamaxhoba ukudlwengulwa okanye bakhuthuzwe. Liyinene elithi umntu osetyhini kule mihla angaziva ekhululekile ncakasana. Sifuna abantu abangama khwenkwe bachubeke kwaye babe ngumzekelo ekuhlaleni. Injongo sifuna ukuba baxhobisa ngazozonke izakhono.

“Abantwana abanga makhwenkwe abaninzi sibabona betshaya iziyobisi kuba khange bafumane siseko esisiso. Kungoko ke sibene ukuba kufanelekile ukuba siyile uphulo olumila kunje,” utshilo.

Umdlali womabonakade, Abongile Sali, uthe kubalulekike ukuba abantwana abanga makhwenkwe bafundiswe ukuzihlonipha nokuhlonipha nabani no umntu ongu mzali.

UMnu Sali uthe kaloku abantwana bangotywa besebatsha. Uphawuele ngelithi amakhwenkwe awafundiswa ngendlela yokuphatha abantu basetyhini kwaye anqabile amathuba okubona imisitho ekumila kunje ekuhlaleni.

Oka Sali uthe uyakholelwa ukuba eliphulo lisokhondweni elichanekileyo kwaye uyalikhuthaza.

Umfana osemtsha uMosuli Qhabe uthe inyani yeyokuba abanfundiswa ukunxibelelana abantwana abangamakhwenkwe nabantu basetyhini xa bebadala.

Umnu Qhabe uthe nabo bengabafana banoxanduva lokufundisa amakhenkwe ngendlela yokuziphatha. ULinathini Mzuzu, yena uthe ufunde lukhulu kwaye nendlela acinga ngayo itshintshile.