IsiXeko seKapa simaxhaphetshu sikhangelana nezihlobo nezalamana zabo bathi batshelwa ngamangcwaba ekupheleni konyaka esisuka kuwo eKhayelitsha.
Esi siXeko sibongoza sikwathuthaza abo bachaphazelekayo beze ngaphambili kuzoboniswana ngomakwenziwe.
Isithokothoko somlilo sagqogqisa kwatsha amangcwaba angama 287.
Ilungu lezoLuntu neMpilo kwisiXeko uZahid Badroodien uthe lomlilo watshisa wabhubhisa iminqamlezo yamangcwaba.
Loka Badroodien uthe uphando lusaqhubeka ngonobangela walomlilo. Uthe kudala bezama ukudibana nabachaphazelekayo kodwa kungelula kuba uninzi lwabantu beluseMpuma Koloni.
Ibhunga lesiXeko siceba ukwenza isikhumbuzo nalapho kuya kuthi kumenywe abakwalizwi ukuba bathandaze.
Usihlalo weqoqo lophuhliso iKhayelitsha Development Forum (KDF) uNdithini Tyhido ukwamkele ekuncoma okwenziwa sisiXeko.
Uzeke mzekweni ebongoza abantu beze ngaphambili kulungiswe okwanakeleyo.
“Andithengi mehlo abantu, ibhunga lesiXeko lenze umsebenzi oncomekayo kakhulu. Okoko saqalisa ukuthetha nabo ngalomba, basebenzisana nathi. Imbalelwano yethu nabo iyaqhubeka kwaye abakuthembisayo bayakwenza,” uxelele iVukani.
UMnu Tyhido uthe esisihelegu somlilo sothusa umntu wonke. Ukwancome abachaphazelekileyo ngokusebenzisana nesiXeko ukusombulula le ngxubakaxaka.
Umama uNoncedo Oyiya nochaphazelekayo naye uthe kukhulu okwenziwe sisiXeko. Uthe indlela esenze ngayo sibonakalise inkathalo.
“Thina sixolile kakhulu yindima edlalwe sisiXeko. Bekungalindelekanga ukuba bangasitsalela umnxeba besibiza, kwaye indlela abathe basiphatha ngayo iyancomeka,” utshilo.
Kodwa uvumile ukuba lento iyikhathazile imiphefumo yamakhaya amaninzi.
Uthe akukho mntu ebekulindele ukutsha kwamadlaka. Uthe ezimbalini zange wayibona into ekumila kunje.
“Masikubulele kakhulu ukuthatyathwa kwenxaxheba sisiXeko nabanye abantu abakufuphi kuso,” utshilo.
Ukufumana ingcaciso ezithe vetshe, izihlobo nezalamane zingatsalela umxeba ku 021 444 9378.Â