ITshintsha Ma Afrika iza nenguqu

Umseki wombutho ozimeleyo iTshintsha Ma Afrika uGqirha Mzi Qongqo.

Alufikanga lugalelelekile ukhanyiso nolwazi kwezokukhokela nophuhliso eKhayelitsha noMzantsi Afrika jikelele. Kodwa umbutho ozise olukhanyo iTshitsha MaAfrika luvakalise ukuxhalaba kwabo baphetheyo ngendllela abenza ngayo izinto.


ITshintsha MaAfrika ngumbutho ozimelelyo, ongekho phantsi kukaRhulumente nozama ukulwa intlupheko nokubuyisela imbeko kubantu abantsundu.


Lenxalabo ivezwe ngoLwesihlanu ophelileyo kwindawo yokonwaba Kwa-Ace eKhayelitsha ngethuba kuthweswa izidanga abafundi nabazinkokheli kwindawo zabo zokushishina.


Oku ibikokokuqala ukwenzeka nalapho lombutho uqeqeshe iinkokheli eKhayelitsha. Phambi kokuba athwese abafundi izidanda, umseki weTshintsha MaAfrika uMzi Qongqo uxelele inginginya yabantu nebigcwalise lendawo ukuba inkokheli iyazalwa futhi inkokheli iyabekwa.


Ukwathe ayikho engcono kunenye kodwa eyonyuliweyo iphelelwa lixesha. Ekhuthaza ekwacebisa abafundi, uthe kufuneka bafikeleleke kwaye bazazi ukuba basebenza ngabantu. Uthe iinkokheli zizicaka zabantu.


“Iinkokheli eziselulawulweni aziginyisi mathe. Zisuka zihlohle ipokotho zazo. Lomkhuba uzenza zibenodintsi netyheneba. Ukanti inkokheli ngumntu onomonde, umhlanganisi wemehlambi eyalanayo. Umdali woxolo,” uvakalise lenxalabo.


Ulumkise abobebethweswa ukuba kufuneka beme ngxi kwinkolo yabo, babezinkokheli ezinomqolo, zingagungqi lula. Uthe kufuneka zingoyiki ukuthatha izigqibo kodwa bangabi ngozwiilake. Utsho esithi kufuneka bavelise ezinye iinkokheli.


“Inkokheli kufuneka ibande, iphathe ngokulinganayo kwabo ibikhokeleyo,” ugqibezele ngelitshoyo.


Ingqonyela kulombutho uSiya Nxadi uthe uxhalabile kuba apho kungekho mbono abantu bayatshabalala. Uthe utshintsho yinto engaqhelekanga, nekunzima ukuyamkela kodwa iinkokheli zaseKhayelitsha kufuneka zibamkele ababafundi, zisebenzisane nabo ukuxazulula iingxaki ezininzi kuba ziqeqeshiwe.


Uthe amasebe amaninzi kuquka neloMthetho, eMfundo, eleMpilo zinemiceli mingeni emininzi. Uthe ukuba uyakwiinkundla zamatyala yimiqodi yabantu engakwazi kuncedakala kanti nakwe Zempilo kananjalo.


Uxhobise izithwala zidanga ukuba zikhokele ngembeko nentlonipho. Uthe kufuneka zizazi ukuba zizicaka zabantu.


“Inkokheli ezikhoyo zathi zakufika kwindawo ezonyulelwe yona zacinga ukuba zifikile ezulwini, uhambo luphelile. Ukanti iinkokheli ngabantu ekufuneka bephuhlise ezinye iinkokheli. Iinkokheli nagabntu ekufuneka bazi ukuba bayalandelwa ababodwa. Khokela ngendlela apha ephucukileyo kuba nawe useza kukhokelwa,” utshilo.


Naye ukugxininisile ukuba inkokheli ngumntu ongelogwala futhi ongenamkhethe. Uthe kusekuninzi ekufanele kwenziwe ukuphuhlisa abantu ngezixhobo zemfundo nezinye izinto ukukhulisa abantu abamnyama.


Ukwathe iphulo labo lokuphuhlisa umntu omnyama liyaqhuba kulo lonke eloMzantsi. 


Onguceba eKhayelitsha nothe wazimasa lomsitho uXolisa Peter ukuncomeke kakhulu okwenziwe ngulombutho ukuqeqesha abahlali. Uthe kuyancomeka ukubona imibutho ezimeleyo ithatha uxanduva xa ibona ukuba kukho apho kusalela khona ekukhokeleni.


Ngabafundi abangama 12 abebeqeqeshelwa ukukhokela nokuxazulula iingxaki kweyoMqungu baze bathiwa jize ngezatifiketi zabo kuleMdumba. Bebembejembeje yimiwunduzo nemixwayo kulo msitho.