Inkqubo yeeholide igcina abantwana bekhuselekile

Uninzi lwabantwana nababe kwiphulo lokhuseleko ngexesha leholide bathe bafumana izatifiketi.

Iinkonzo zasekuhlaleni kuquka nabahlali nesebe lezokhuseleko baqinisekise inzolo nocwangco ngokuthi babambe iphulo lokhuseleko lwabantwana ngexesha leeholide kwinkqubo ebibanjelwe kwikhaya labantwana iHomstead eKhayelitsha.

Eliphulo nelithabathe iveki liqhuba libenegalelelo kubantwana abangashumi-shumi.

NgoMvulo esisuka kuwo eliphulo lenze ezibukwayo ngokuthi linike izatifiketi kubantwana abathe bayinkxalenye yalenkqubo.

Okhokeleyo uMfundisi Thozama Toni ulichaze eliphulo lexesha leholide njengeliluncedo kakhulu kubantwana abanabazali abaphangelayo.

Uthe uninzi lwabantwana lusinda ezingozini nakulwaphulo mthetho.

“Sithi sinciphise ubundlobongela ukanti abantwana abahamba apha bayasinda kwizinto ezingendawo eziqhubeka ngaphandle.

“Kuncedekala nabazali kuba abantwana babo bakwindawo ekhuselekileyo futhi bayaphekelwa.

Lonto ithi bathi bebuya emisebenzini babe abantwana babo behluthi.

Siye ke sibanike izihloko nabathi bathethe phantsi kwazo ukubaxhobisa ngezinto ezibalulekielyo ebomini,” utshilo. Eliphulo liqhubeka minyaka le.

Othe wakhokela ekufundiseni abantwana kweliphulo uThembi Gecelo ekunye nabefundisi bezakwalizwi bachithe ixesha elininzi bezama ukubanqwanqwada.

UNkosazana Gecelo uthe iinjongo kukusasaza ilizwi lokhuseleko kwabantwana ukuze kunciphe ukulahleka kwabo ngexesha leeholide.

Uthe ukhuseleko lwabantwana yinto ebalulekileyo ingakumbi kumaxesha esiphila kuwo.

Uthe minyaka le ngexesha lokuphela konyaka, uluntu luya kwiindawo zokuzonwabisa olunye luyasebenza lonto ibeke abantwana esichengeni.

Abanye abazali bayashiya bantwana emakhaya bodwa kuba besisithi bafuna ukuphozisa iingqondo.

“Lonto yenza abanye babantwana bangabi nabani emakhaya baphele bezula nje. Ngokuza kwabo apha, bayonwatyiswa, badlale babuye bafundiswe okuninzi. Siye ke ekugqibeni sibanike nezatifiketi ukubonisa ukuba bebeyinkxalenye yethu,” utsho oka Gecelo.

Uthe abafuni nolunye usuku apho bathi baphulukane nabantwana. Ubongoze abazali ukuba babeyinkxalenye yamaphulo akumila kunje qho ngexesha lokuvalwa kwezikolo.

“Kuyabaluleka ukuba abazali abakwaziyo ukuba khona babekhona kwizinto ezinziwa ngabantwana babo. Kodwa abo bangakwaziyo mabenze ngako konke ukuba thumela kwezindawo,” utshilo.

Imini iphele kamnandi kuyimivuyo kubantwana emveni kokunikwa amaphetshana okubonisa ekhaya.