Ikhwele limbulele

Abenkonzo Yomlilo Nohlangulo bakwaMasipala behlola umonakalo owenziwe yindoda enesikhwele.

Ubungqwabalala, impatho mbi nesikhwele zikhokelele ekuswelekeni kotata, inkosikazi kunye nosana kwindawo yogobityholo iMzamomhle, eMfuleni.

Ngentseni yango Lwesine weveki ephelileyo uLuvuyo Kota (59) Nosandiso (59) kunye nosana lwabo oluminyaka mihlanu batshela endlini etshiswe ngutata wekhaya onguLuvuyo.

Umama notata bayebasinda baze baleqiswa esibhedlele kodwa usana alukhange lusinde.

Kudlule nje usuku lwahlanza iselwa nakwesisibini kuba belutshe kakhulu. Kungoku nje bashiye abantwana abasibhozo bezinkedama.

Abenkonzo yoMlilo noHlangulo kwisiXeko seKapa bathi bafumana umnxeba ngentseni malunga necala kweyesihlanu intsimbi kusithiwa kuyatsha kule ndawo.

Ekufikeni kwabo, kwabe sele kophulwe, intwazana yabe sele itshele endlini kodwa bathi utata nomama bafumana ukwenzakala.

Le ndoda ityholwa ngabamelwane kunye nabantwana bayo njengomfo obengqwabalala kakhulu. Intombi endala imchaze utata wayo njengomntu obekhangeleka ngathi akabathandi. Uthe bekukho amaxesha nalapho bebavimba ukutya.

Le ntwazana nesabambe ongezantsi kukushiywa ngumama wayo nomntwana wakowayo ithe intlalo yabo ayizange ibentle kwaphela.

“Kudala utata wahlukumeza umama. Ebekwazi ukupheka inyama asinike umhluzi. Imali yesibonelelo yesondlo isamkelwa nguye akugqiba athenge 12,5kg yomgubo ne10kg yerice. Kuphele apho. Ebethi ukuba uthenge iilofu zezonka ezine athathe ezimbini, ezimbini ibezezakhe,” itshilo.

Lo tata usweleka ngexesha abahlali bebemfungele ukuba akaphinde abuyele kwindawo yabo. Bathe isizathu lo bawo kudala watshisa indlu yakhe ngenxa yesikhwele. Bathe bebephila ngexhala amaxesha amaninzi kuba bengayazi kuzakwenzekani ukuba uke waxabana nenkosikazi.

Ngelixesha iVukani ifika kwindawo yexhwayela, abahlali nabebelugcwabevu ngumsindo bathe balinde nje ibuye esibhedlele bayikhuphe iphele endaweni yabo. Kodwa ngelishwa ayikwazanga kubuya.

Kutyholwa lendoda ngesikhwele esingaphaya kokuqonda. Bathi asikokuqala itshisele endlini inkosikazi nabantwana ngexa yokukhweleta. Bathi ngalemini yentlekelo bavuswa siskhalo kukhwazwa umlilo. Ukuvela kwabo amadangatya omlilo abesele elwenguza kungekho ndlela yokucima. Kodwa bathi uninzi lwabantu luzamile luthutha isanti namanzi ukuzama ukungceda. 

Omnye wabamelwane exelela iVukani uthe; “Sithe sakuva isakhala kukhwazwa umlilo, umlilo, saphakama ukuzama uyonceda kodwa kwabesele kuqhumile. Kuyekwanzima kakhulu ukuhlangula abantu kuba lomlilo nomsi ubusele ugubungele yonke indawo. Kodwa uninzi lwabantu luzamile ukwenza olunako. Kodwa besele kophulwe. Ngemizuzwana nje kwatsha yonke into, yangqongqa,” uchaze watsho.

Emveni kukutshelwa abahlali abaninzi banyanzeleke babethe ezipokothweni kodwa abanye babo bayebabonelelwa sisiXeko. Isithethi sampolisa eMfuleni uMhloli November Filander ukugqinile ukusweleka kolusapho.

Previous articleRead of the Week
Next articleMissing
SHARE