Bayichithile indlu yomtyholwa

Indawo ebikade inetyotyombe elisusiweyo ngabahlali.

Inikwe uphum’amaphele indoda etyholwa ngokununeza amakhwenkwana ngesondo ngokuthi iwabambise amaphambili ayo yakugqiba iwathi jize ngeesenti zokuphatha esikolweni.

Abahlali bakooBM eSite B eKhayelitsha nabebevutha ngumsindo bathi abakwazi ukuhlala nesihange kwelixesha libi kangaka.

Ukuzenzela umsebenzi lula bagqibe kwelokuba mabachithe indlu yendoda eminyaka engama 52 etyholwa ngalomkhuba.

Ukanti londoda ithe yavela kwinkundla kamantyi eKhayelitsha ngomvulo esisuka kuyo ngezozityholo.

Abazali nabebelugcwabevu ngumsindo badibenele kwinkundla zamatyala bezokucela ukuba ingakhe iphume kuba ingayingozi kubantwana babo.

Unobalisa uthi weva abantwana bethetha ngalendoda nezinto ezenzayo. Lomkhuba mbi iwenza kubantwana abaminyaka esuka kwisibhozo ukuya kwishumi.

Uthi wayeqonda ukuba kufuneka ayithathele ingqalelo lento yabantwana abanikwa imali ngokuya kulendlu yalendoda.

Inkokheli yokuhlala uSimphiwe Nxusani uthi malunga nabantwana abasibhozo ebebesenza lomsebenzi wokuvusa ilungu lobudoda lomtyholwa.

Uxelele iVukani inkcazelo emasikizi ayifumene kwababantwana.

Kutyholwa ngelokuba lendedeba nethengisa amathumbu ekuhlaleni ide yabiza indlu yayo ngokuba kuse ‘Mvezo’ kuba kuyavezwa.

“Isothusile into yokufumanisa ukuba indoda endala kangaka ibiza abantwana ngemali baze bayiphathaphathe amaphambili.

“Sithe sakuva lomhlola saqonda masidibane sikukuhlala sijonge lento imanyukunyezi kangaka.

“Kodwa ndiye ndaziba ndindedwa ndayibuza, ayizange iphike. Ndaqonda ukuyisindisa ebantwini mandiyithi chu ukuya emapoliseni nayo nalapho ingakange iphike nto. Kodwa isimanga esithethileyo sesokuba ngabantwana bethu abaza kuyo ngako ke sithi esimele sinqande abantwana bethu.

“Omnye umhlola awuthethileyo ngokuba akakhumbuli nokuba ukhe walala nabo na,” uchazele iVukani watsho.

Umzali esingenakukwazi ukumchaza igama kuba sikhusela umntwana uthe bekufanele ukuba lendoda isuswe eluntwini. Uthe abantu abafana nalomtyholwa akafanelanga kuhlala phakathi kwabantu.

“Uyasiqhela lomfo kwa ukuba athi masinqande abantwana bethu kuba ngabo abaza kuye.

“Ngabantu abakumila kunje aba benza amadoda ajongenke kakubi. Umntwana wam undixelele ukuba banikwa iR5 zokuphatha esikolweni ukwenza elinyala.

“Ukuba urhulumente akenzi nto, kufanele abahlali benze into. Khawubenofanekiso womntwana ehlukuhla ilungu lendoda engakaya. Imbi into esehleleyo,” utshilo.

Omnye umzali akangabazanga ngelithi bekufanele ebethiwe lomfo. Kodwa ukwabulele udade walomfo ngenkxaso ayinike abazali.

“Udade wabo uhamba nathi nangoku, uyasixhasa. Bubuzali ke obo kuba uyayiqonda ukuba ayintle kwaphela lento, ngamanyala. Uze kuthi wade wacela uxolo,” utshilo.

Othethela ibutho labatshutshisi uMnumzana Eric Ntabazilila uthe lendoda ithweswe ityala lokunukuneza ngesondo. Uthe izakubuye ivele ngomso ngoLwesihlanu.