Bonwatyiswe ngokufundelwa iincwadi

Elinye lamavontiya akwaTomorrow Trust uDuduzile Ndlovu ekhokela imithambo nemidlalo kwisikolo samabanga aphantsi iMseki.

Bafumene inyhweba yokonwatyiswa nethuba lokufundelwa iincwadi abantwana bamabanga aphantsi baseMseki eGugulethu ngomhla 15 apha kuCanzibe.

Kuleveki iphelileyo kubanjwe umsitho omkhulu kwesisikolo nalapho iintsana ezenza uGrade 3 zichithe imini yonke zidlala nabasebenzi bakwaLevi’s kunye nombutho wesisa iTomorrow Trust.

Eyona njongo yale mini ibikukonwabisa nokufundisa abantwana nokubakhuthaza ukuba bathande iincwadi nemfundo.

Kodwa kwabakwaLevi’s Trust ibikutyelela abantu ababancedisayo ngokwasezimalini, nokujonga ukuba banganceda ndawoni.

Ibingumsitho ongaqaliyo nalapho lamaqela mabini abambisana ngokonwabisa abantwana kwesisikolo. Lemini nebikhangeleka imnandi kakhulu kubantwana nootitshala babo yenziwa minyaka le yiTomorrow Trust namahlakani wayo.

ITomorrow Trust inesivumelwano nesisikolo nalapho incedisa abantwana ngomsebenzi wabo wesikolo phakathi evekini nangempelaveki. Baqala ukunceda abantwana ukususela kumabanga aphantsi bayobakhupha edyunivesithi.

Eliqela lithi ke libambisene nabakwaLevi’s nabathi bancedise ngamaqithiqithi ukuze umsebenzi uhambele phambili kakuhle.

Inqununu yesikolo uPhilani Marhubelela uthe kuyavuyisa ukuba nabantu abasebenza oluhlobo esikolweni sabo.

Uthe lonto yenza nabantwana bakwazi ukuba nomdla kwizifundo zabo.

“Kuyasikhuthaza kakhulu ukubona abantu abanye babo besuka kumazwe angaphesheya. Yonke lento ingabantwana bethu. Itsho ukuthi abantwana bethu bafanele baqonde ukuba bahoyiwe, hayi sithi kuphela kodwa lihlabathi jikelele. Ithi ke lonto kufuneka bafunde ukuze ikamva labo liqhakaze. Siyakuvuyela ukuncediswa ngabantwana bethu ke babesezandleni ezakhukileyo usuku nje olulodwa,” utshilo.

Uthi oluqhakamshelwano nezinkampani lusuka kude kwaye lubancedile.

UMnumzana Marhubelela ukwabongoze namanye amalungu okuhlala ukuba abeyinkxalenye yesikolo.

Othethela iTomorrow Trust uNicola Matthews uthe banabantwana abangama-45 abancedisana nabo kulonyaka kwesikolo. Amavolontiya abo angama 80 athi ajongane nabantwana.

UNkosikazi Matthews uthe naye ubuncomile ubudlelwane nesisikolo esithi sele kukudala buqhubeka kwaye buzala amathokazi wodwa.

“Ukusuka ngonyaka ka 2000 ukuzakuma ngoku sesikhuphe malunga nabantwana abaqgibe edyunivesithi abangama 358.

“Lonto ibonisa mhlophe ukuba kuyasetyenzwa akusongwanga zandla.

Kuluvuyo kuthi ukuba yinxalenye yabantwana nalapho sinikisa ngoncedo. Namhlanje siyadlalisa sibuye sibafundele iincwadi imin iyonke,” wathetha watsho.

Ukanti yena Gavin van Der Host wakwa Lev’s Trust uthe beyilenkampani ngumsebenzi wabo ukutyala kubathengi babo. Uthe batyala ngakumbi kwabo bangathath’intweni.

“Le into siyenza apho ihambisela ncakasana nemigaqo yethu siyinkampani

“Sikholelwa ekubeni abantu nabathengi bethu mabaxhamle. Sikholelwa ekubeni abantwana zinkokheli zangomso nekufuneka zikhathalelwa kwaye zijongwe.

Yiyo lonto namhlanje sikhuphe abasebenzi bethu ukuba bazokonwabisa, babuye bafundise abantwana,” uthethe watsho.

Kubantwana lemini ibonakele imnandi kakhulu.

Ibinguqulukubhode ngexesha omnye wamavontiya esenzisa imixhentso nangexesha lokuzivonyavonya. Bekumnandi kuhlekwa nguwo wonke umntu obeyinxalenye yalemini.