Abakhubazekileyo bakhunjulw’ eGugulethu

Uceba wakwa wadi 35 uLuvuyo Zondani wonwabile kukubona abantu abakhubazekileyo befumana uhoyo nenkathalo.

Bekuxhelw’exhukwane eGugulethu nalapho uceba wendawo uLuvuyo Zondani ethe wonwabisa abadala nabatsha ngezipho kwiinzame zokuphucula iimeko zabo zokuhlala.

Ibeyimixhentso, kuculwa kuyiyizelwa kuba loceba ebezokunikisa kubantu abakhubazekileyo izitulo zokuhamba kunye noondolo.

Akaphelelanga apho ukhuphe nebhayisikile enika abo bagade ucwangco kwiwadi yakhe nenguwadi 35.

UMnumzana Zondani uthi ubone kufanelekile ukuba baqhubeke nemisebenzi emihle yokuphuhlisa uluntu.

Ukwathe kufuneka bethandiwe abantwana nabantu abadala yiyo lo nto abone kuyimfuneko ukuba azokubhiyozela le nyanga yabantu abakhubazekileyo kunye nabo.

Uceba uthe elixesha lalenyanga nalapho kuyiwa kweyoMnga lixesha elibi nalapho abantu abaninzi bafuna uncedo. Kodwa akaphelelanga ekunikiseni ngezixhobo kuphela

Ukwakhumbule ukuba kuqala inyanga nalapho kukhunjulwa abo baphila ngokukhubazeka kwanenyanga yokulwa ukuhlukunyezwa nokuphathwa gadalala kwabantu besifazana nabantwana. UMnu Zondani ubongoze bonke abantu ukuba bakhumbule abantu abakhubazekileyo.

Uthe lenyanga yeNkanga yavunywa nanguMongameli welizwe ukuba yinyanga nalapho kufanele kukhunjulwa kwaye kuhlonitshwe amalungelo abantu abaphila ngokukhubazeka.

“Silapha ukuzokonwabisa abantu abakhubazekileyo ukubanika izinto ezibafaneleyo. Sinoxanduva lokujonga nokukhathalela abantu abakhubazekileyo.

Siqonde ukuba masele sinikisa ngezixhobo nakubantu abaluncedo kakhulu ekuhlaleni abagadi cwango bethu. Sizokubanika iibhayisikile neetotshi ukuze basebenze lula,” utshilo.

Ukwabongeze abantu ukuba basebenzisane nabagadi bocwangco. Uphinde wabongoza abantu ukuba balwe ukuphathwa kakubi nokuxhatshazwa komama nabantwana esithi linyala elikhulu elo. Kusenjalo abo bathe baxhamla nababambe ucwango kwizitrato neekona zaseGugulthu uVuyo Mata ulincome kakhulu igalelo likaceba wabo.

Uthe kubalulekile ukuba abasemagunyeni batyale kukhuseleko lwabantu. UMnu Mata uthe bengonogada baseGugulethu kuzakuba lula ukuqhakamshelana.

Uthe ingxaki ebezibathe mbende kukungakwazi ukufikelela kwiindawo ezininzi.

“Ezibhayisikile neetotshi zizakuba luncedo kakhulu.

Xa kungoku sizakukwazi ukuyaleqa kwiindawo nalapho besingakwazi ukuya kufikelela.

Ukanti xa kumnyama sizakulayita ngoku. Zizinto ezibalulekileyo ke ezi ebesingenazo.

Xa kungoku sijonge phambili ukusebenzela abantu nokubakhusela,” uchaze watsho.