Amalungu eenkonzo ezahlukeneyo zase Lower Crossroads nasePhilippi aphume ngobuninzi ukuya kumthandazo obuququzelelwe yindibanisela yeenkonzo iFraternal of United Churches nobujongene nelizwe kunye nabo balawulayo ingakumbi amapolisa.
Le ndibanisela igqibe kwelokuba kubanjwe umthandazo kwiholo yoluntu yaseLower ngoMgqibelo esisuka kuwo.
Le ndawo yaseLower yindawo ethiwe mbende zizixholoxholo nokubulawa kwabantu.
Kodwa ezona njongo zalo mthandazo, obubanjwe ngale mini, ibikuzama ukugxotha ishwangusha elijongene namapolisa.
Usihlalo weliqoqo nokwa yinkokheli yebandla iDivine Ministries uBhishopi Nkosinathi Menziwa uxelele abantu ebebezimase lo mthandazo ukuba umnqweno wabo kukutshintsha indlela abantu abajonga ngaso isipolisa.
Uthe nangona umthandazo ujoliswe kwiinkokheli zelizwe jikelele kodwa abona bantu bathe ngqo kubo ngamapolisa ngenxa yemiceli mngeni ajongene nayo.
“Sithe make siphakame senze oku ukuze amapolisa ayibone inkxaso yethu.
Le yinkonzo kazwelonke nalapho sithandazela ilizwe nabasemagunyeni.
Kodwa namhlanje sithandazela amapolisa ngenxa yemicelimngeni abajongene nayo. Umlo abajongene nawo unzima. Silapha ke ukuza kulwa nemimoya,” uchaze watsho.
Uthe akukho mnandi xa abagcini cwangco nabo bengonwabanga ngenxa yemikhuba nezixholoxholo ezibangwa ngabantu ingakumbi abantu abatsha.
Uqhube wathi esinye sezizathu ezibangele ukuba bakhethe amapolisa kukuba umnwe wenkosi wolathe eLower nanjengoko befuna ukuyikhulula kumakhamandela kasathana oyibambileyo.
Ukanti uMfundisi Lucky Modiba nothe wanikisa ngomyalezo wosuku uthe umsebenzi wabo njengeenkonzo kukuzisa uxolo nethemba nokucela kophezulu ukuba angenelele kwizinto zelihlabathi.
UMfundisi Modiba uthe uNkulunkulu uyawenza umahluko futhi uyamgcina umntu wakhe. Uthe abenzibubi uyabacenga ade angene ezintliziyweni zabo ukuze basondela kuye bayeke ukwenza ububi.
Othethela amapolisa asePhillippi East uKhapteyini Bheki Xulu uthe bengamapolisa bayakwamkela okwenziwa ziinkonzo xa zithe zabona iimeko nobunzima abasenza phantsi kwazo. Ukwathe bengamapolisa abagungqi naphantsi kweyiphi na imeko bazakuhlala bekhusela ilizwe labo nabahlali ngokupheleleyo.
Uncome iinkonzo ngomsebenzi wazo wothandazela uxolo kwindawo zabantu jikelele esithi maziqhubeke ngomsebenzi eziwuthunyiweyo.